2 Ngoko ke uNdikhoyo wawayekela oyiswa nguJabhin, ukumkani wamaKanana owayehlala eHazore. Injengele yomkhosi wakhe yayinguSisera owayehlala eHarosheti-hagoyim.
3 UJabhin lo ke wayenamakhulu alithoba eenqwelo ezenziwe ngentsimbi. AmaSirayeli wawaphatha gadalala isithuba samashumi amabini eminyaka. AmaSirayeli ke asuka azibika kuNdikhoyo.
4 Ke kaloku umshumayelikazi uDibhora umka-Lapidoti waba yinkokheli kwaSirayeli ngelo thuba.
5 Inkundla yakhe yayiphantsi komthi wesundu ekwakusithiwa ngokaDibhora kweleentaba lakwaEfrayim phakathi kweRama neBhetele. Ke wona amaSirayeli ayesiya kuye ukuze awacombululele imicimbi yawo.
6 UDibhora wathumela wabiza uBharaki unyana ka-Abhinowam eKedeshe kwaNafetali. Wathetha naye wathi: “Nanku umyalelo ophuma kuNdikhoyo uThixo kaSirayeli: Qokelela ishumi lamawaka amadoda kwaNafetali nakwaZebhulon, uhambe nawo uye kwintaba iTabhore.
7 Ke mna ndiya kumenza uSisera, injengele yomkhosi kaJabhin, eze kuwe kumlambo iKishon. Uya kuba exhobile, eneenqwelo namabutho akhe, kodwa ke ndiya kumnikela esandleni sakho.”
8 UBharaki ke waphendula wathi: “Kulungile, ukuba siza kuhamba kunye, kodwa ukuba akuyi wena, nam andiyi.”