17 AmaGiliyadi asala phesheya kweJordan.Ngani na ukuba uDan ashiyeke ezinqanaweni?Yena uAshere wasal' elunxwemeni lolwandle;ewe, walibala ngaselunxwemeni.
18 AmaZebhulon abeke ubomi babo esichengeni;ngokunjalo namaNafetali adela ukufa emaphandleni.
19 ETanaki ngakwintlambo yeMegido,ookumkani bahlangana khona bangquzulana;ewe, izikumkani zamaKanana zalwa,kodwa akukho ntimbo yasiliva zayifumanayo.
20 Iinkwenkwezi esibhakabhakeni, zona zihamba ngendlela yazo,nazo zahlasela, zisilwa noSisera.
21 Ke zona iimpuphuma zeKishon zabakhukulisa;ewe, iKishon umlambo wakudala.Phambili, yomelela, mphefumlo wam!
22 Iinkabi zamahashe zeza ziqakatha zigqabadula,zingqisha zigqekreza ngezo mpuphu!
23 Isithunywa sikaNdikhoyo sithi:“Mayibe lishwangusha kwaMerozi!Mabambathwe lilishwa abemi bayo!Kaloku bazibandezile abamsiza uNdikhoyo;abancedisanga bawadudule amagorha.”