19 ETanaki ngakwintlambo yeMegido,ookumkani bahlangana khona bangquzulana;ewe, izikumkani zamaKanana zalwa,kodwa akukho ntimbo yasiliva zayifumanayo.
20 Iinkwenkwezi esibhakabhakeni, zona zihamba ngendlela yazo,nazo zahlasela, zisilwa noSisera.
21 Ke zona iimpuphuma zeKishon zabakhukulisa;ewe, iKishon umlambo wakudala.Phambili, yomelela, mphefumlo wam!
22 Iinkabi zamahashe zeza ziqakatha zigqabadula,zingqisha zigqekreza ngezo mpuphu!
23 Isithunywa sikaNdikhoyo sithi:“Mayibe lishwangusha kwaMerozi!Mabambathwe lilishwa abemi bayo!Kaloku bazibandezile abamsiza uNdikhoyo;abancedisanga bawadudule amagorha.”
24 Uthamsanqelekile ke yena uJayeli, umfazi kaHebhere umKeni.Yena yimaz' ehlal' ezintenteni.Hay' ithamsanqa lakho, mfazindini!
25 Wath' uSiser' efun' amanzi wamfak' amasi,wamnik' ingqaka ngengayiway' indebe!