2 AmaSirayeli atyeda ngokuzimisela;abantu basukela phezulu ngokuzinikela!Dumisani *uNdikhoyo, nina mafa-nankosi!
3 Inzwi kuni, nina bokumkani!Khanithi cwaka ke nani, matshawe,khe ndidanduluke ngengoma nombongo,khe ndimemelele nditsho ngoncuthu,ndidumis' uNdikhoyo uThixo kaSirayeli.
4 Wena Ndikhoyo, wathi wakuphuma kwaSeyire,mhla wandolos' ushiy' iEdom,suk' umhlaba wanyikima,az' amazulu anyembezana,ke won' amaf' achaphaz' amanzi.
5 Ewe, iintaba zasuka zaqhaqhazelaphay' eSinayi phambi koNdikhoyo;nditsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli!
6 Ngemihla kaShamgare unyana ka-Anati,nditsho ngezo mini zikaJayeli,abahambi banqaba bada banqamka,abantu sebegwegweleza ngezaa ndlela.
7 Emaphandleni kwakukhal' ibhungane,iilali zakwaSirayeli zazingamaphanga,de kwavela mna Dibhora njengesikhukukazi.
8 Suka bathatha thixo bambi,yaz' imfazwe yamrhewula uSirayeli.Kweso sine samawak' amaSirayeli,ikhaka nomkhonto zange ziphakanyiswe.