22 Iinkabi zamahashe zeza ziqakatha zigqabadula,zingqisha zigqekreza ngezo mpuphu!
23 Isithunywa sikaNdikhoyo sithi:“Mayibe lishwangusha kwaMerozi!Mabambathwe lilishwa abemi bayo!Kaloku bazibandezile abamsiza uNdikhoyo;abancedisanga bawadudule amagorha.”
24 Uthamsanqelekile ke yena uJayeli, umfazi kaHebhere umKeni.Yena yimaz' ehlal' ezintenteni.Hay' ithamsanqa lakho, mfazindini!
25 Wath' uSiser' efun' amanzi wamfak' amasi,wamnik' ingqaka ngengayiway' indebe!
26 Wathath' isikhonkwane ngesandla,wee hlas' isando ngesinye;hlifi-i-i wamntlekez' uSisera,wasihloma saphumela kolo khakhayi!
27 Ewe, wambetha wafinyela wafohleka;wamtsho wanaba tswii ezinyaweni zakhe,wawa waqotha-qotheka ezinyaweni zakhe,suka watoshalaza, yaphel' intw' ibithethwa!
28 Unina wankolo-nkoloz' ejong' enkalweni;unakaSisera wanyondl' ezifestileni:“Iinqwelo zakhe zilibele phi, bethu?Ngan' ukuba acothe kangak' amahashe?”