28 Unina wankolo-nkoloz' ejong' enkalweni;unakaSisera wanyondl' ezifestileni:“Iinqwelo zakhe zilibele phi, bethu?Ngan' ukuba acothe kangak' amahashe?”
29 Intokaz' eyingqondi yamthomalalisa,watsho naye waziv' ethuthuzelekile:
30 “Hayi, mhlawumbi baxakeke kukwab' amaxhoba:Imbelukazi, hayi, zimbini kwijoni ngalinye;kuSisera lilaph' elitofo-tofo elimabala-bala,elenkosazana liqhwaqhwalal' eliqhoqhonyiweyo.”
31 Ewe, siyavuma, Ndikhoyo, makube njal' ukufa kweentshaba zakho!Ke bona abakuthandayo mabaqaqambe njengelanga xa liphumayo!Emva koko ke kwalandela amashumi amane eminyaka yenzolo.