5 Ewe, iintaba zasuka zaqhaqhazelaphay' eSinayi phambi koNdikhoyo;nditsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli!
6 Ngemihla kaShamgare unyana ka-Anati,nditsho ngezo mini zikaJayeli,abahambi banqaba bada banqamka,abantu sebegwegweleza ngezaa ndlela.
7 Emaphandleni kwakukhal' ibhungane,iilali zakwaSirayeli zazingamaphanga,de kwavela mna Dibhora njengesikhukukazi.
8 Suka bathatha thixo bambi,yaz' imfazwe yamrhewula uSirayeli.Kweso sine samawak' amaSirayeli,ikhaka nomkhonto zange ziphakanyiswe.
9 Kuthi mandityibele ndityondyothele kwezo ngqwayi-ngqwayi zikaSirayeli,ndibong' amatsha-ntliziyo ngokuzilahlela ngokuzinikela.Dumisani uNdikhoyo, nina mafa-nankosi!
10 Nina bakhwel' iidonki ezimhlophe;nina bahlala kwezingayiway' iisali,ngokunjalo nani bahamba ngeenyawo,zinyamekeleni ezi zinto, nicamngce ngazo.
11 Khawuve ke, nal' ugwijo lweemvum' emaquleni!Zibhiyozel' uloyiso lukaNdikhoyo:uloyiso lwabantu bakh' amaSirayeli.Suk' abantu bakaNdikhoyo bangqisha,benjenjeya ukuya emasangweni.