7 Emaphandleni kwakukhal' ibhungane,iilali zakwaSirayeli zazingamaphanga,de kwavela mna Dibhora njengesikhukukazi.
8 Suka bathatha thixo bambi,yaz' imfazwe yamrhewula uSirayeli.Kweso sine samawak' amaSirayeli,ikhaka nomkhonto zange ziphakanyiswe.
9 Kuthi mandityibele ndityondyothele kwezo ngqwayi-ngqwayi zikaSirayeli,ndibong' amatsha-ntliziyo ngokuzilahlela ngokuzinikela.Dumisani uNdikhoyo, nina mafa-nankosi!
10 Nina bakhwel' iidonki ezimhlophe;nina bahlala kwezingayiway' iisali,ngokunjalo nani bahamba ngeenyawo,zinyamekeleni ezi zinto, nicamngce ngazo.
11 Khawuve ke, nal' ugwijo lweemvum' emaquleni!Zibhiyozel' uloyiso lukaNdikhoyo:uloyiso lwabantu bakh' amaSirayeli.Suk' abantu bakaNdikhoyo bangqisha,benjenjeya ukuya emasangweni.
12 Vuka! Khawuvuke, Dibhora!Vuka uhlabele ingoma!Phakathi, Bharaki nyana ka-Abhinowam!Uz' ubuy' urhuq' abathinjwa!
13 Yaza ke yavel' imingqandand' emva kweengqwayi-ngqwayi,abakaNdikhoyo beza kum kunye namagorha.