23 Waphendula ke uNdikhoyo wathi: “Xola, ungatatazeli; awuzukufa.”
24 Ke uGidiyon wakhela uNdikhoyo iqonga lamadini kuloo ndawo, wathi igama lalo nguNdikhoyo-uluxolo. (Lisekhona ke nangoku eOfra, engumhlaba womzi ka-Abhiyezere.)
25 Ngobo busuku ke uNdikhoyo wayalela uGidiyon wathi: “Thatha inkunzi yenkomo kwezikayihlo, nditsho le yesibini, le inesixhenxe seminyaka. Uzulidilize ke iqonga likayihlo elakhelwe uBhali, unqunqe nomfanekiso womthi wesithixokazi uAshera osecaleni kweqonga elo.
26 Yakhela uNdikhoyo iqonga encotsheni yale nqaba, wenze idini elitshiswayo ngenkunzi yesibini leyo, ubase ngalaa mfanekiso ka-Ashera uwunqunqileyo.”
27 UGidiyon wathatha amadoda alishumi kwizicaka zakhe, wenza ngokomlomo kaNdikhoyo. Lo msebenzi ke wawenza ngobusuku, kuba esoyika amawabo nabamelwana.
28 Bavuka ngentsasa elandelayo abantu baloo lali: nâlo iqonga likaBhali lidiliziwe, nomfanekiso ka-Ashera unqunqiwe, kwaza kwenziwa idini ngenkunzi yenkomo yesibini kwelo qonga lakhiwe kuloo ndawo!
29 Babuzana ke bathi: “Ngubani na owenze le nto?” Bawuphanda ke lo mcimbi, beva kusithiwa: “NguGidiyon unyana kaJowashe owenze le nto!”