16 Loo madoda omkhosi wakhe omakhulu mathathu wawahlula-hlula kathathu, waza indoda nganye wayinika isigodlo nengqayi enesikhuni esivuthayo ngaphakathi.
17 Wawayala wathi: “Ze nindiqwalasele, nithi sakusondela phaya ekampini yotshaba, nenze loo nto ndiyenzayo.
18 Xa mna neqela lam sikhalisa izigodlo nani ze nenjenjalo, nijikeleze loo kampu, ngokunjalo nikhwaze nithi: ‘Iwu-u-u, watsh' umkhonto kaNdikhoyo nokaGidiyon!’ ”
19 UGidiyon nelo khulu lakhe lamadoda waya kufika emdeni wekampu yotshaba, kancinane nje phambi kobhadakazi ebusuku, kanye emva kokutshintshwa kwabalindi. Ke kaloku basuka batsho ngomtyangampo bekhalisa amaxilongo, bazikroboza nezo ngqayi babeziphethe.
20 Omathathu amaqela ke enza kwaloo nto. Ngezandla zawo zokhohlo athi qhiwu ezo zikhuni zivuthayo; zaye izigodlo zikwesokunene, ekhwaza esithi: “Iwu-u-u, watsh' umkhonto kaNdikhoyo nokaGidiyon!”
21 Onke ke loo madoda abamb' uhlelo, ewujikelezile loo mkhosi wotshaba, waza ke wacela kooxhongo, uhamba ubhomboloza.
22 Kwathi ke kuloo ntswahla yayisenziwa ngamadoda kaGidiyon ngezigodlo zawo uNdikhoyo wawubetha wancitheka umkhosi wotshaba, walwa wabulalana wodwa. Wabaleka ke, waya ngaseZerera, waya kufikelela eBhete-shita, ukuya kutsho eAbhele-mehola kufuphi neTabhata.