Iinkokheli 7:19-25 XHO96

19 UGidiyon nelo khulu lakhe lamadoda waya kufika emdeni wekampu yotshaba, kancinane nje phambi kobhadakazi ebusuku, kanye emva kokutshintshwa kwabalindi. Ke kaloku basuka batsho ngomtyangampo bekhalisa amaxilongo, bazikroboza nezo ngqayi babeziphethe.

20 Omathathu amaqela ke enza kwaloo nto. Ngezandla zawo zokhohlo athi qhiwu ezo zikhuni zivuthayo; zaye izigodlo zikwesokunene, ekhwaza esithi: “Iwu-u-u, watsh' umkhonto kaNdikhoyo nokaGidiyon!”

21 Onke ke loo madoda abamb' uhlelo, ewujikelezile loo mkhosi wotshaba, waza ke wacela kooxhongo, uhamba ubhomboloza.

22 Kwathi ke kuloo ntswahla yayisenziwa ngamadoda kaGidiyon ngezigodlo zawo uNdikhoyo wawubetha wancitheka umkhosi wotshaba, walwa wabulalana wodwa. Wabaleka ke, waya ngaseZerera, waya kufikelela eBhete-shita, ukuya kutsho eAbhele-mehola kufuphi neTabhata.

23 Kwesi sithuba ke nazo izizwe zakwaNafetali, kwa-Ashere, nakwaManase macal' onke, zahlatyelwa umkhosi, zeza nazo zawasukelisa amaMidiyan.

24 UGidiyon wathumela izigidimi kulo lonke eleentaba lakwaEfrayim, esithi: “Yihlani nize kulwa namaMidiyan. Vingcan' amazibuko eJordan nasezintlanjeni nide niye kufika eBhete-bhara, khon' ukuze angaweli amaMidiyan.” AmaEfrayim eza ngendlu yawo, aza ke ayivingca iJordan neentlambo zayo ukuya kuthi xhaxhe ngeBhete-bhara.

25 Azibamba zombini iinkosi zamaMidiyan, uOrebhe noZebhe. UOrebhe ambulalela kwiliwa likaOrebhe, ke yena uZebhe ambulalela kwisixovulelo-diliya sikaZebhe. Awasukela amaMidiyan, aza eza nentloko kaOrebhe nekaZebhe kuGidiyon owayengekayiweli iJordan ngelo xesha.