3 Kaloku uThixo uzinikele ezandleni zenu zombini iinkosi zamaMidiyan, uOrebhe noZebhe. Ngaba yintoni na mna endiyenzileyo egqithe oko nikwenzileyo nina?” Akuba etshilo ke yadamba ingqumbo yamaEfrayim ngakuGidiyon.
4 Ngeli thuba ke uGidiyon nomkhosi wakhe omakhulu mathathu bafika kwiJordan. Nakuba babediniwe bayiwela, bawasukela amaMidiyan.
5 Bakufika eSukoti uGidiyon wathi kubantu bakhona: “Umkhosi wam udiniwe; khaniwuphe isonka, kuba ndisukela ookumkani bamaMidiyan uZebha noZalmuna.”
6 Amadoda amakhulu aseSukoti ala, athi: “Yini le? Ngaba sewuboyisile ooZebha noZalmuna, khon' ukuze umkhosi wakho siwunike isonka?”
7 UGidiyon ke wathi: “Hayi ke, kulungile! Akuba ebanikele kum *uNdikhoyo ooZebha noZalmuna, nina ndiya kuniphala ngameva nenkunzane.”
8 Wagqitha ke waya kutsho ePenuweli, nalapho ke wenza kwaeso sicelo kubantu balapho; nabo ke bamphendula kwangolo hlobo lwamaSukoti.
9 Wathi ke kubo: “Akukho nto. Ndiza kubuya xa ndiloyisile utshaba, ndaye ke ndakuba ndibuyile ndiya kuyidiliza le nqaba yenu.”