4 Ngeli thuba ke uGidiyon nomkhosi wakhe omakhulu mathathu bafika kwiJordan. Nakuba babediniwe bayiwela, bawasukela amaMidiyan.
5 Bakufika eSukoti uGidiyon wathi kubantu bakhona: “Umkhosi wam udiniwe; khaniwuphe isonka, kuba ndisukela ookumkani bamaMidiyan uZebha noZalmuna.”
6 Amadoda amakhulu aseSukoti ala, athi: “Yini le? Ngaba sewuboyisile ooZebha noZalmuna, khon' ukuze umkhosi wakho siwunike isonka?”
7 UGidiyon ke wathi: “Hayi ke, kulungile! Akuba ebanikele kum *uNdikhoyo ooZebha noZalmuna, nina ndiya kuniphala ngameva nenkunzane.”
8 Wagqitha ke waya kutsho ePenuweli, nalapho ke wenza kwaeso sicelo kubantu balapho; nabo ke bamphendula kwangolo hlobo lwamaSukoti.
9 Wathi ke kubo: “Akukho nto. Ndiza kubuya xa ndiloyisile utshaba, ndaye ke ndakuba ndibuyile ndiya kuyidiliza le nqaba yenu.”
10 Ke uZebha noZalmuna nomkhosi wabo babeseKarekore. Kuloo mkhosi wabantu basempumalanga kwakuwe amadoda akwisithuba samawaka alikhulu elinamashumi amabini, kwasala ishumi elinesihlanu lamawaka kuphela.