5 Ababandezeli bakhe basuke baba ziinkosi zakhe;iintshaba zakhe azinaxhala.Ubekwe elusizini *nguNdikhoyo ngenxa yezikreqo zakhe ezininzi.Abantwana bemkile ezweni labo, bangabathinjwa beentshaba.
6 Buphele tu ubungangamsha bentombi enguZiyon.Iziphathamandla zayo zinjengeenyamakazi ezingenadlelo;zibuthathaka zinjalo ziyasaba, zibaleka abasukeli.
7 Ngemihla yayo yenkxwaleko nokubhadulaiJerusalem iyabukhumbula bonke ubuncwane bayo bamandulo.Akubangakho mntu wakuyinceda xa abantu bayo babesoyiswa lutshaba.Iintshaba zayo zayiwa ngeentsini zakubona isiphelo sayo.
8 IJerusalem yone kakhulu,yaza ke ngoko yaba nomlaza.Bonke ababefudula beyihlonele basuke bayidela,kuba bebubonile ubuze bayo.Nayo itsho ngencwina,ide izifihle ubuso.
9 Ukungcola kwayo kunamathele kwizivatho zayo;ayilikhumbulelanga ikamva layo,kwaza kwakhwankqisa ukuwa kwayo.Akubangakho namnye uyithuthuzelayo.Ithi: “Awu, Ndikhoyo, bona iimbandezelo zam;kuba kaloku utshaba luyazigwagwisa.”
10 Iintshaba zayo zibuphangile boke ubuncwane bayo;zangena ijongile iintlanga kweyona ndawo ingcwele –abantu ongabavumelanga, Ndikhoyo, ukuba bangene ebandleni lakho.
11 Abantu bayo bonke batsho ngencwinaxeshikweni behamba befuna ukutya;bancama nempahla yabo yexabiso,befuna ukudla khon' ukuze bahlaziyeke.Ithi: “Awu, Ndikhoyo, khangela ubone,kuba ndingodeliweyo.”