19 Ababesisukele babenesantya ngaphezu kwesokhozi;basileqa ezintabeni, basilalela entlango.
20 Umthanjiswa kaNdikhoyo, obubomi nomphefumlo wethu, wabanjiswa emigibeni yabo.Thina besiba xa siphantsi kwesithunzi sakhesoba ngabantu phakathi kwezizwe.
21 Yiba nemihlali uvuye, ntombi enguEdom,wena ohlala elizweni laseUze.Phofu nawe uza kuyirhabula le ndebe;uya kunxila uzihlube uhambe ze.
22 Wena ntombindini enguZiyon,siza kufikelela esiphelweni isohlwayo sakho;akuyi kolulwa ukuthinjwa kwakho.Kodwa, ntombindini enguEdom, úya kukohlwaya ngesikreqo sakho,ayityhile inkohlakalo yakho.