11 Wona wawayalela ukuba ezise ukumkanikazi uVashiti, ammise phambi kwakhe evathile, ethwele iqhiya yobukumkanikazi, khon' ukuze aqhayise ngobo bunzwakazi bakhe ebantwini ndawonye nezikhulu zakhe. Kaloku wayeyinzwakazi ethi ndijonge.
12 Kambe ke amaphakathi lawo athe akuwudlulisa loo myalelo kakumkani, suka ukumkanikazi uVashiti wala ukuza. Hayi ke, yeka ukuvutha kukakumkani ngumsindo.
13 Njengoko yayilisiko ukuba ukumkani athetha-thethane neengcali kwimicimbi yomthetho nobulungisa, naye ke wadlan' iindlebe namadoda azizilumko awuqondayo umthetho,
14 engawona ayintong' esekhosi kakumkani: uKashena, uShetare, uAdemata, uTashishe, uMeresi, uMasena, noMemukan. La madoda asixhenxe ayezizikhulu zamaPeshiya namaMedi, esondele ngendlela eyodwa kukumkani, futhi ekwezona zikhundla ziphambili apho embusweni.
15 Ukumkani wabuza wathi: “Ngokomthetho makwenziwe ntoni ngokumkanikazi uVashiti? Kaloku yena akawuthobelanga umyalelo kakumkani uAsuwerosi awuxelelwe ngamaphakathi.”
16 Ke uMemukan wamphendula ukumkani lowo zikho nezinye izikhulu, wathi: “Ukumkanikazi uVashiti lo akonanga ukumkani kuphela, koko uzonile zonke izikhulu nabo bonke abantu bamaphondo onke kakumkani uAsuwerosi.
17 Ngoko ke esi simo sokumkanikazi siza kwaziwa ngabo bonke abanye abafazi, baze ke nabo bawadele amadoda abo, besithi: ‘Nkqu nokumkani uAsuwerosi ngokwakhe wathi akuyalela ukuba ukumkanikazi uVashiti eziswe phambi kwakhe wasuka wala ukumkanikazi ukuza.’