Uestere 9 XHO96

Uloyiso lwamaJuda

1 Ke kaloku isihlokomiso somthetho kakumkani sasimiselwe ukuba sifezekiswe ngomhla weshumi elinesithathu kwinyanga yeshumi elinambini uAdare. Ngaloo mini iintshaba zamaJuda zazithembe ukuba ziya kuwabetha ziwavuthulule, kambe ke kwathi kanti zizinqikele ilitye elinobugqwangu, kuba amaJuda asuka azongamela iintshaba zawo.

2 AmaJuda aqokelelana kwizixeko zawo kuwo onke amaphondo aphantsi kolawulo lukakumkani uAsuwerosi, elungele ukuhlasela wonke umntu ofuna ukuwatshabalalisa. Akubangakho mntu unokumelana nawo, kuba bonke abantu bezinye iintlanga babenkwantya kukuwoyika.

3 Kanti ke futhi zonke izikhulu zamaphondo, iirhuluneli, abalawuli, namagosa kakumkani, babencedisa amaJuda, kuba bonke babengenelwe kukumoyika uModekayi.

4 Ngeli thuba uModekayi waba yimbalasane apho komkhulu, udumo lwakhe lwasuka lwathi ndii kuwo onke amaphondo, waya ethath' unyawo ngobuhandiba.

5 Ke amaJuda ngekrele azigeqa kwajub' ugodo kwiintshaba zawo, azitshabalalisa ezenzela unothanda kwabo bawathiyileyo.

6 Kanti ke komkhulu eSusa amaJuda abulala atshabalalisa amakhulu amahlanu amadoda.

7 Abulala noPashandata, uDalefon, uAspata,

8 uPorata, uAdaliya, uAridata,

9 uPamashta, uArisayi, uAridayi, noVayezata,

10 ishumi loonyana bakaHaman unyana kaHamedata utshaba lwamaJuda. Ke amaJuda akawachukumisanga amaxhoba wona.

11 Inani lâbo bâbulawáyo komkhulu eSusa laxelwa kukumkani kwangaloo mini.

12 Ke ukumkani wathi kukumkanikazi uEstere: “AmaJuda abulele amakhulu amahlanu amadoda ndawonye neshumi loonyana bakaHaman komkhulu eSusa. Ngaba enze ntoni na kwamanye amaphondo kakumkani? Ngoku ke, sithini isicelo sakho? Ewe, woyenzelwa into oyifunayo! Sixele isicelo onaso, uya kusenzelwa.”

13 UEstere uphendule ngelithi: “Xa kukholekile kuwe, mhlekazi, wavumele amaJuda aseSusa asiqhube nangomso esi sihlokomiso sanamhlanje. Ke bona oonyana bakaHaman abalishumi mabaxhonywe emthini olungiselelwe oko.”

14 Ngenene ke ukumkani wayalela ukuba yenziwe yonke loo nto. Kwenziwa isihlokomiso eSusa, baza ke baxhonywa bolishumi oonyana bakaHaman.

15 Ngomhla weshumi elinesine kwinyanga uAdare ahlanganisana eSusa amaJuda, aza abulala amakhulu amathathu amadoda kwalapho eSusa. Kambe ke akawachukumisanga amaxhoba wona.

16 Kananjalo amaJuda awayekwamanye amaphondo kakumkani aqokelelana azikhusela azikhulula kwiintshaba zawo. Abulala iintshaba ezingamashumi asixhenxe anesihlanu samawaka. Kambe ke akawachukumisanga amaxhoba wona.

17 Le ntlekele ke yehla ngomhla weshumi elinesithathu kwinyanga uAdare, aza ke amaJuda aphumla ngomhla weshumi elinesine, olo yalusuku lwezidlo nemivuyo.

ITheko lamaQashiso

18 Kambe ke wona amaJuda aseSusa aqokelelana ngomhla weshumi elinesithathu noweshumi elinesine, aza ke ngomhla weshumi elinesihlanu aphumla, yalusuku lwawo lwezidlo nemivuyo.

19 Kungenxa yesi sizathu ke le nto amaJuda ahlala emaphandleni ezilalini ezingabiyelwanga ngodonga alukhethileyo usuku lweshumi elinesine lwenyanga uAdare elwenza umhla wemivuyo nezidlo, imini yeholide aphana ngayo izipho.

20 Ke kaloku uModekayi wazibhala ezi ziganeko, wathumela izaziso kuwo onke amaJuda akwiziphaluka zikakumkani uAsuwerosi, ezikude nezikufuphi,

21 ewayalela ukuba enze imibhiyozo minyaka le ngosuku lweshumi elinesine nolweshumi elinesihlanu kwinyanga uAdare.

22 Elo ibe lithuba lokukhumbula ukukhululeka kwamaJuda kwiintshaba zawo, inyanga apho usizi lwawo lwaguquka lwaba luvuyo, isingqala sawo sajika saba ngumhla wemibhiyozo. Wabhala ewakhuthaza ukuba ezo ntsuku azenze ithuba lezidlo nemivuyo, anikane izipho zokutya, abonelele namahlwempu ngezipho.

23 Ngoko ke amaJuda ayiqhuba loo mibhiyozo ayeseleyiqalile, enza ngokomyalelo obhalwe nguModekayi.

24 Kaloku uHaman unyana kaHamedata um-Agagi utshaba lwamaJuda wayewenzele iyelenqe amaJuda, efuna ukuwatshabalalisa, wada wenza ipuri (liqashiso ke elo) ukuze atshitshiswe.

25 Kodwa ke lithe lakuqondwa ngukumkani iyelenqe elo, wasuka wayalela ukuba kubhalwe izaziso zokutshitshisa icebo likaHaman lokutshabalalisa amaJuda, khon' ukuze isikhuni sibuye nomkhwezeli, ke yena noonyana bakhe baxhonywe emthini olungiselelwe oko.

26 Ngoko ke ezo ntsuku kwathiwa zezeePuri, bezibiza ngegama leqashiso. Ke kaloku ngenxa yako konke ekwakubhalwe kuloo leta, nangenxa yako konke awayekubonile noko kwawahlelayo,

27 amaJuda azibophelela ekulimiseleni eli siko lokuba wona, ndawonye nezizukulwana zawo, nabo bonke abazibandakanya nawo, soze aphazame ekubeni ezi ntsuku zimbini kunyaka ngamnye zibe zezemibhiyozo ngokwemigqalisela yexesha elimisiweyo.

28 Ezo ntsuku ke zaziya kukhunjulwa zibekelwe bucala zizo zonke izizukulwana, nayiyo yonke imizi, kuzo zonke iziphaluka, nakuzo zonke izixeko. Ewe, le mihla yeqashiso ayisoze iyeke ukubhiyozelwa ngamaJuda, kanti nokukhunjulwa kwayo soze kutshitshe phakathi kwenzala yawo.

29 Ngoko ke ukumkanikazi uEstere, intombi ka-Abhihali, ndawonye noModekayi umJuda babhala ngegunya elikhulu, bebeka umnwe kwesi saziso sesibini mayela neMihla yeePuri.

30 UModekayi wathumela izaziso ezibhaliweyo kuwo onke amaJuda akumaphondo alikhulu mashumi mabini nesixhenxe ombuso kakumkani uAsuwerosi, kuzo evakalisa amazwi eminqweno emihle engqinela ukunyaniseka kwakhe,

31 ukuze kumiselwe le Mihla yeePuriOko kukuthi “iMihla yamaQashiso” ngamathuba ayo. Kaloku ezi ntsuku zamiselwa nguModekayi umJuda enokumkanikazi uEstere, zaza zaba sisivumelwano samaJuda ndawonye nenzala yawo ngokuphathelele kumathuba awo okuzila nokulila.

32 Ke isihlokomiso sikaEstere sabek' umnwe kule migqalisela yeMihla yeePuri,Oko kukuthi “iMihla yamaQashiso” saza ke sabhalwa kwingcombolo yeembali.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10