Uestere 5 XHO96

Isicelo sikaEstere

1 Kuthe ke ngosuku lwesithathu uEstere wavatha ezobukhosi, wangena phakathi enkundleni yasebhotwe, wema phambi kwendlu kakumkani. Ukumkani wayengqendeve esihlalweni sakhe sobukhosi apho kuloo ndlu, ejonge esangweni.

2 Uthe ke ukumkani, akubona uEstere emi apho enkundleni, waziva anelisekile akumjonga, waza ke wamkhomba ngentonga yakhe yolawulo yegolide awayeyiphethe. Wasondela ke uEstere, waza ke wachukumisa incam yaloo ntonga.

3 Ukumkani ke wathi kuye: “Ngaba ufuna ntoni, kumkanikazi Estere? Uze kucela ntoni? Nantoni na oyifunayo woyinikwa, kude kuthi xhaxhe ngesiqingatha sombuso wam.”

4 UEstere uphendule ngelithi: “Xa kukholekile kuwe, kumkani, ndicela ukuba wena ndawonye noHaman niye ethekweni endinilungiselele lona namhlanje.”

5 Ke ukumkani wathi: “Khawulezani nibize uHaman eze apha, ukuze senze ngokwesicelo sikaEstere.”Ngoko ke ukumkani ekunye noHaman baya kwelo theko babelilungiselelwe nguEstere.

6 Xa basela iwayini ke ukumkani wabuza kuEstere wathi: “Khawutsho, sithini isicelo sakho? Loo nto uyicelayo woyinikwa. Ufuna ndikwenzele ntoni? Woyenzelwa nantoni na, kude kuthi xhaxhe ngesiqingatha sombuso wam.”

7 Ke uEstere uphendule ngelithi: “Nasi isicelo nesikhungo sam.

8 Ukuba ngenene ndamkelekile kukumkani, ezimisele ukwenza ngokwesicelo sam, ukumkani ndawonye noHaman ngomso mabeze kwitheko endibalungiselele lona. Ngelo thuba ke ndowuphendula lo mbuzo awubuzayo ukumkani.”

UHaman ucaphukela uModekayi

9 Ngaloo mini ke uHaman wagoduka echwayitile. Kambe ke uthe akubona uModekayi esangweni lokumkani, ephawula nokuba akakhange amkhathalele ashukume nokushukuma xa adlulayo kuye, suka wafutheka ngumsindo ngenxa yesimo sikaModekayi.

10 Kambe ke noko uHaman wabuya wazithibaza, wagoduka.Apho ekhaya ke waqokelela izihlobo zakhe ndawonye nomkakhe uZereshi,

11 waza ke wabaqhayisela ngobutyebi bakhe nangoonyana abaninzi, ngokunjalo nangeendlela awayewongwe ngazo ngukumkani wada wamphakamisa kunazo zonke izikhulu namaphakathi akhe.

12 Waqhuba uHaman wathi: “Akuphelelanga kwezo zinto, nangoku ndim ndedwa umntu omenywe ngukumkanikazi uEstere ukuba aye nokumkani kwitheko alenzileyo. Ewe, kwakhona undimemele kwitheko aza kuba nalo nokumkani ngomso.

13 Kambe ke xa iyonke le nto ayindiniki konwaba ngakumbi nangakumbi xa ndisaphikele ukubona laa mJuda unguModekayi ehleli esangweni lakomkhulu.”

14 Umkakhe uZereshi ndawonye nazo zonke izihlobo zikaHaman bathi kuye: “Makwakhiwe umthi wokuxhoma uphakame ube ziimitha ezimashumi mabini anambini, uze ke ngomso ucele ukumkani amxhome apho uModekayi. Hamba ke uye ethekweni kunye nokumkani uchwayitile.”Eli cebiso lamkholisa uHaman, waza ke wawenza loo mthi wokuxhoma.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10