Uestere 8 XHO96

AmaJuda anikwa ilungelo lokuzikhusela

1 Kwangaloo mini ke ukumkani uAsuwerosi wawunikela kukumkanikazi uEstere umzi kaHaman owayelutshaba lwamaJuda. Ke uModekayi weza kungena kwakumkani, kuba ukumkani wayexelelwe nguEstere indlela abazalana ngayo.

2 Ukumkani wawukhulula emnweni wakhe umsesane wakhe wokunyathelisa, lowo wayebuye wawohlutha kuHaman, waza wawunika uModekayi. Ke uEstere wawunikezela kuModekayi umzi kaHaman.

3 Ke kaloku uEstere wabuya wathetha nokumkani, eguqe ezinyaweni zakhe elila. Wambongoza ukuba alitshitshise iyelenqe lokutshabalalisa amaJuda elaliqulunqwe nguHaman um-Agagi.

4 Waza ke ukumkani wathatha intonga yakhe yokulawula yegolide, wayolulela kuEstere, waza ke yena waphakama wema phambi kokumkani.

5 UEstere wathi: “Xa kukholekile kuwe, kumkani, ukuba uyandamkela, ubona ukuba yinto entle le, ube nam undithakazelela, makukhutshwe isihlokomiso esitshitshisa esiya sikaHaman unyana kaHamedata um-Agagi, eso wayesibhalele ukutshabalalisa amaJuda kuzo zonke izithili zikakumkani.

6 Uthi ndingathini kodwa ukusinyamezela isithwakumbe esinje phezu kwabantu bakowethu? Ndingathini ukubukela amawethu etshatyalaliswa?”

7 Ke kaloku ukumkani uAsuwerosi wamphendula ukumkanikazi uEstere enoModekayi umJuda wathi: “Ngenxa yokuba uHaman ehlasele amaJuda, umzi wakhe ndiwunikezele kuEstere. Ke yena uHaman ndimxhome emthini olungiselelwe oko.

8 Ngoko ke bhalani esinye isihlokomiso egameni likakumkani ngenxa yamaJuda, nithethe ngaloo ndlela iya kuthi ifaneleke kuni, nize nisinyathelise ngomsesane kakumkani. Kaloku yonke into ebhalwe egameni likakumkani yaza yanyatheliswa ngomsesane wakhe ayinakuze iguqulwe.”

9 Ngoko nangoko oonobhala bakomkhulu babizwa ngomhla wamashumi mabini anantathu kwinyanga yesithathu uSivan. Babhala ngokwemiyalelo kaModekayi eyayibhekiswa kumaJuda neerhuluneli nabalawuli nezikhulu zaloo maphondo alikhulu mashumi mabini anesixhenxe, kuqalela kwelaseIndiya kuthi xhaxhe ngeKushe. Ezi zihlokomiso zabhalwa ngobhalo nangolwimi lwephondo ngalinye, kananjalo zabhekiswa nakumaJuda ngobhalo nolwimi lwawo.

10 UModekayi wabhala egameni likakumkani uAsuwerosi, wazinyathelisa izihlokomiso ezo ngomsesane kakumkani, waza wazithumela ngezigidimi ezikhwele amahashe anamendu aluhlobo olufuywa kwakumkani.

11 Esi sihlokomiso sikakumkani amaJuda azo zonke izixeko sawanika ilungelo lokuba aqokelelane azikhusele, atshabalalise abulale ade atshitshise nabani na oxhobileyo noba ngowaluphi na uhlanga okanye ngowaliphi na iphondo, xa ewahlasela ndawonye nabafazi nabantwana bawo, aze ahluthe nantoni na eyeyotshaba lwawo.

12 Usuku olwamiselwa amaJuda ukuba enze le nto kuwo onke amaphondo olawulo lukakumkani uAsuwerosi yaba ngumhla weshumi elinesithathu kwinyanga yeshumi elinambini uAdare.

13 Ke ikopi yalo mthetho yayiza kukhutshelwa iphondo ngalinye, ibhengezwe kubantu bohlanga ngalunye, ukuze amaJuda alungele ukuziphindezela ngaloo mini kwiintshaba zawo.

14 Zaphuma ke izigidimi zakomkhulu, zikhwele amahashe akomkhulu, zaphalisa ngeenjongo zokufezekisa umyalelo kakumkani. Kananjalo ke isihlokomiso eso sabhengezwa nasebhotwe eSusa.

15 Ke kaloku uModekayi waphuma apho ebhotwe, evathe ezakomkhulu eziluhlaza nezimhlophe, etsho ngembasa yegolide nomnweba welinen ecikizekileyo emfusa ngebala. Isixeko saseSusa senza itheko lemivuyo.

16 KumaJuda loo mini yayiyeyokonwaba nokuvuya, uchulumacho newonga.

17 Kwiphondo ngalinye nakwisixeko ngasinye apho sahamba khona eso sihlokomiso, yaba yimincili nochulumanco kumaJuda, ebhiyoza ngezidlo. Ke into eninzi yabantu bezinye iintlanga yaba ngamaJuda ngaloo mini ngenxa yokuba ingenelwe kukuwoyika amaJuda.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10