8 Uthe ke wakuba ubhengeziwe umyalelo nesihlokomiso sikakumkani kweziswa iintombi ezininzi apho komkhulu eSusa, zanikezelwa ukuba zigcinwe nguHegayi. NoEstere ke wasiwa apho ebhotwe, waselugcinweni lukaHegayi owayejongene nenkundla yababhinqileyo.
9 Le ntombi inguEstere ke yamkholisa ngokupheleleyo. Ngoko nangoko ke wayixhasa ngezinto zobuhle, eyityisa ooni nooni. Wamnikezela esandleni sabafazi abasixhenxe abâkhethwa kwalapho komkhulu, waza ke uEstere nâbo bafazi bahlaliswa kwawona magumbi aphambili kwelo cala lababhinqileyo.
10 Ke kaloku uEstere lo wayengazange azichaze imvelaphi nohlanga lwakhe, kuba uModekayi wayethe makangazixeli.
11 Mihla le uModekayi wayesoloko ehamba-hamba apho ngakuloo nkundla, eze kuqonda ukuba kuqhubeka ntoni na ngoEstere.
12 Phambi kokuba intombi iye kukumkani uAsuwerosi kwakufuneka ithathe ishumi elinambini leenyanga iphathwe ngemigqalisela yobuhle eyayimiselwe ababhinqileyo. Iinyanga ezintandathu yayithambisa amafutha emore, ngezinye ezintandathu ithambise ubulawu neziqholo.
13 Lo mcimbi ke wawuqhutywa ngolu hlobo ukuze intombi leyo isiwe kukumkani: nantoni na eyifunayo yayiyinikwa, iyithathe apho kwelo cala lababhinqileyo, iye nayo kwibhotwe likakumkani.
14 Yayingena khona ngorhatya, ize kusasa ibuyele kwelinye icala kwalapho kwelababhinqileyo, ngoku ibe sesandleni sikaShashagazi, iphakathi likakumkani elalijongene namaqadi. Ke kaloku emva koko yayingaphindeli kukumkani ngaphandle kokuba abe ukholisiwe yiyo. Xa kunjalo ke wayeyibiza ngegama.