2 Wahamba wee xhaxhe ngamasango asebhotwe, kuba wayengavumelekanga ukungena khona umntu onxibe ezirhwexayo.
3 Kuwo onke amaphondo apho safikelela khona esi saziso somyalelo kakumkani amaJuda alila ezimathontsi, azila ukutya, atsho ngesingqala, enxibe ezirhwexayo, ezigalele ngothuthu.
4 Zithe ke iimpelesi zikaEstere ndawonye namaphakathi zakumxelela ngoModekayi wasuka wabandezeleka. Wathumelela uModekayi iimpahla zokunxiba, koko yena wasuka wazimangala.
5 Ke uEstere wathumela uHataki iphakathi likakumkani elalijongene naye ukuba liye kuqonda ukuba wayekhathazwe yintoni na uModekayi.
6 UHataki lowo ke waya apho kuModekayi ebaleni lesixeko phambi kwesango lakomkhulu.
7 UModekayi wamchubela konke okwakwenzekile, ndawonye nemali leyo yayiza kufakwa nguHaman koovimba bakomkhulu ukuze kutshatyalaliswe amaJuda.
8 Kananjalo ke wamnika nekopi yaloo mthetho wawuyalela ukutshatyalaliswa kwamaJuda, lowo wawubhengezwe eSusa, ukuze awubonise uEstere, amchazele konke, futhi ambongoze ukuba azame ukuya kubonana nokumkani, amcenge abe nebuya-mbo mayela nabantu bakowabo.