1 Kuthe ke ngosuku lwesithathu uEstere wavatha ezobukhosi, wangena phakathi enkundleni yasebhotwe, wema phambi kwendlu kakumkani. Ukumkani wayengqendeve esihlalweni sakhe sobukhosi apho kuloo ndlu, ejonge esangweni.
2 Uthe ke ukumkani, akubona uEstere emi apho enkundleni, waziva anelisekile akumjonga, waza ke wamkhomba ngentonga yakhe yolawulo yegolide awayeyiphethe. Wasondela ke uEstere, waza ke wachukumisa incam yaloo ntonga.
3 Ukumkani ke wathi kuye: “Ngaba ufuna ntoni, kumkanikazi Estere? Uze kucela ntoni? Nantoni na oyifunayo woyinikwa, kude kuthi xhaxhe ngesiqingatha sombuso wam.”
4 UEstere uphendule ngelithi: “Xa kukholekile kuwe, kumkani, ndicela ukuba wena ndawonye noHaman niye ethekweni endinilungiselele lona namhlanje.”
5 Ke ukumkani wathi: “Khawulezani nibize uHaman eze apha, ukuze senze ngokwesicelo sikaEstere.”Ngoko ke ukumkani ekunye noHaman baya kwelo theko babelilungiselelwe nguEstere.
6 Xa basela iwayini ke ukumkani wabuza kuEstere wathi: “Khawutsho, sithini isicelo sakho? Loo nto uyicelayo woyinikwa. Ufuna ndikwenzele ntoni? Woyenzelwa nantoni na, kude kuthi xhaxhe ngesiqingatha sombuso wam.”
7 Ke uEstere uphendule ngelithi: “Nasi isicelo nesikhungo sam.