10 Kambe ke noko uHaman wabuya wazithibaza, wagoduka.Apho ekhaya ke waqokelela izihlobo zakhe ndawonye nomkakhe uZereshi,
11 waza ke wabaqhayisela ngobutyebi bakhe nangoonyana abaninzi, ngokunjalo nangeendlela awayewongwe ngazo ngukumkani wada wamphakamisa kunazo zonke izikhulu namaphakathi akhe.
12 Waqhuba uHaman wathi: “Akuphelelanga kwezo zinto, nangoku ndim ndedwa umntu omenywe ngukumkanikazi uEstere ukuba aye nokumkani kwitheko alenzileyo. Ewe, kwakhona undimemele kwitheko aza kuba nalo nokumkani ngomso.
13 Kambe ke xa iyonke le nto ayindiniki konwaba ngakumbi nangakumbi xa ndisaphikele ukubona laa mJuda unguModekayi ehleli esangweni lakomkhulu.”
14 Umkakhe uZereshi ndawonye nazo zonke izihlobo zikaHaman bathi kuye: “Makwakhiwe umthi wokuxhoma uphakame ube ziimitha ezimashumi mabini anambini, uze ke ngomso ucele ukumkani amxhome apho uModekayi. Hamba ke uye ethekweni kunye nokumkani uchwayitile.”Eli cebiso lamkholisa uHaman, waza ke wawenza loo mthi wokuxhoma.