5 Ke ukumkani wathi: “Khawulezani nibize uHaman eze apha, ukuze senze ngokwesicelo sikaEstere.”Ngoko ke ukumkani ekunye noHaman baya kwelo theko babelilungiselelwe nguEstere.
6 Xa basela iwayini ke ukumkani wabuza kuEstere wathi: “Khawutsho, sithini isicelo sakho? Loo nto uyicelayo woyinikwa. Ufuna ndikwenzele ntoni? Woyenzelwa nantoni na, kude kuthi xhaxhe ngesiqingatha sombuso wam.”
7 Ke uEstere uphendule ngelithi: “Nasi isicelo nesikhungo sam.
8 Ukuba ngenene ndamkelekile kukumkani, ezimisele ukwenza ngokwesicelo sam, ukumkani ndawonye noHaman ngomso mabeze kwitheko endibalungiselele lona. Ngelo thuba ke ndowuphendula lo mbuzo awubuzayo ukumkani.”
9 Ngaloo mini ke uHaman wagoduka echwayitile. Kambe ke uthe akubona uModekayi esangweni lokumkani, ephawula nokuba akakhange amkhathalele ashukume nokushukuma xa adlulayo kuye, suka wafutheka ngumsindo ngenxa yesimo sikaModekayi.
10 Kambe ke noko uHaman wabuya wazithibaza, wagoduka.Apho ekhaya ke waqokelela izihlobo zakhe ndawonye nomkakhe uZereshi,
11 waza ke wabaqhayisela ngobutyebi bakhe nangoonyana abaninzi, ngokunjalo nangeendlela awayewongwe ngazo ngukumkani wada wamphakamisa kunazo zonke izikhulu namaphakathi akhe.