1 Ngoko ke ukumkani kunye noHaman baya ethekweni likakumkanikazi uEstere.
2 Bathe ke besasela iwayini ngolo suku lwesibini, ukumkani waphinda wathi kuEstere: “Khawutsho, sithini na isicelo sakho, kumkanikazi Estere? Loo nto uyicelayo woyinikwa. Ucela ntoni ke? Woyenzelwa nantoni na, kude kuthi xhaxhe ngesiqingatha sombuso wam.”
3 Ke ukumkanikazi uEstere waphendula wathi: “Ukuba ndiyamkeleka kuwe, kumkani, ukuba kukholekile kuwe, ndincede usindise ubomi bam, uhlangule nabantu bakowethu, ndiyakucela.
4 Kaloku mna ndawonye nabantu bakowethu kuthengisiwe ngathi ukuze sitshatyalaliswe, sibulawe, sicinywe igama. Ukuba bekuthengiswe ngathi ukuba sibe ngamakhoboka namakhobokazana ngendithe cwaka, kuba bekungayi kubakho ntlungu ingako inyanzelisa ukuba kude kuphazanyiswane nomhlekazi.”