1 Ke kaloku isihlokomiso somthetho kakumkani sasimiselwe ukuba sifezekiswe ngomhla weshumi elinesithathu kwinyanga yeshumi elinambini uAdare. Ngaloo mini iintshaba zamaJuda zazithembe ukuba ziya kuwabetha ziwavuthulule, kambe ke kwathi kanti zizinqikele ilitye elinobugqwangu, kuba amaJuda asuka azongamela iintshaba zawo.
2 AmaJuda aqokelelana kwizixeko zawo kuwo onke amaphondo aphantsi kolawulo lukakumkani uAsuwerosi, elungele ukuhlasela wonke umntu ofuna ukuwatshabalalisa. Akubangakho mntu unokumelana nawo, kuba bonke abantu bezinye iintlanga babenkwantya kukuwoyika.
3 Kanti ke futhi zonke izikhulu zamaphondo, iirhuluneli, abalawuli, namagosa kakumkani, babencedisa amaJuda, kuba bonke babengenelwe kukumoyika uModekayi.
4 Ngeli thuba uModekayi waba yimbalasane apho komkhulu, udumo lwakhe lwasuka lwathi ndii kuwo onke amaphondo, waya ethath' unyawo ngobuhandiba.
5 Ke amaJuda ngekrele azigeqa kwajub' ugodo kwiintshaba zawo, azitshabalalisa ezenzela unothanda kwabo bawathiyileyo.
6 Kanti ke komkhulu eSusa amaJuda abulala atshabalalisa amakhulu amahlanu amadoda.