24 Kaloku uHaman unyana kaHamedata um-Agagi utshaba lwamaJuda wayewenzele iyelenqe amaJuda, efuna ukuwatshabalalisa, wada wenza ipuri (liqashiso ke elo) ukuze atshitshiswe.
25 Kodwa ke lithe lakuqondwa ngukumkani iyelenqe elo, wasuka wayalela ukuba kubhalwe izaziso zokutshitshisa icebo likaHaman lokutshabalalisa amaJuda, khon' ukuze isikhuni sibuye nomkhwezeli, ke yena noonyana bakhe baxhonywe emthini olungiselelwe oko.
26 Ngoko ke ezo ntsuku kwathiwa zezeePuri, bezibiza ngegama leqashiso. Ke kaloku ngenxa yako konke ekwakubhalwe kuloo leta, nangenxa yako konke awayekubonile noko kwawahlelayo,
27 amaJuda azibophelela ekulimiseleni eli siko lokuba wona, ndawonye nezizukulwana zawo, nabo bonke abazibandakanya nawo, soze aphazame ekubeni ezi ntsuku zimbini kunyaka ngamnye zibe zezemibhiyozo ngokwemigqalisela yexesha elimisiweyo.
28 Ezo ntsuku ke zaziya kukhunjulwa zibekelwe bucala zizo zonke izizukulwana, nayiyo yonke imizi, kuzo zonke iziphaluka, nakuzo zonke izixeko. Ewe, le mihla yeqashiso ayisoze iyeke ukubhiyozelwa ngamaJuda, kanti nokukhunjulwa kwayo soze kutshitshe phakathi kwenzala yawo.
29 Ngoko ke ukumkanikazi uEstere, intombi ka-Abhihali, ndawonye noModekayi umJuda babhala ngegunya elikhulu, bebeka umnwe kwesi saziso sesibini mayela neMihla yeePuri.
30 UModekayi wathumela izaziso ezibhaliweyo kuwo onke amaJuda akumaphondo alikhulu mashumi mabini nesixhenxe ombuso kakumkani uAsuwerosi, kuzo evakalisa amazwi eminqweno emihle engqinela ukunyaniseka kwakhe,