3 Kanti ke futhi zonke izikhulu zamaphondo, iirhuluneli, abalawuli, namagosa kakumkani, babencedisa amaJuda, kuba bonke babengenelwe kukumoyika uModekayi.
4 Ngeli thuba uModekayi waba yimbalasane apho komkhulu, udumo lwakhe lwasuka lwathi ndii kuwo onke amaphondo, waya ethath' unyawo ngobuhandiba.
5 Ke amaJuda ngekrele azigeqa kwajub' ugodo kwiintshaba zawo, azitshabalalisa ezenzela unothanda kwabo bawathiyileyo.
6 Kanti ke komkhulu eSusa amaJuda abulala atshabalalisa amakhulu amahlanu amadoda.
7 Abulala noPashandata, uDalefon, uAspata,
8 uPorata, uAdaliya, uAridata,
9 uPamashta, uArisayi, uAridayi, noVayezata,