Uezra 1 XHO96

UKoreshi ukhulula abathinjwa

1 Ngonyaka wokuqala kakumkani uKoreshi wasePeshiya, ukuzalisekisa amazwi awawathetha ngomlomo kaJeremiya, *uNdikhoyo wawuxhokonxa umoya kakumkani uKoreshi wasePeshiya, waza wawisa umthetho kuwo wonke ummandla wakhe, wayalela ukuba ubhalwe, kusithiwa:

2 “Utsho uKoreshi, ukumkani wasePeshiya, ukuthi: ‘UNdikhoyo uThixo wezulu uzinikele kum zonke izikumkani zehlabathi, kananjalo undimisele ukuba ndimakhele indlu eJerusalem kwelakwaJuda.

3 Ngoko ke, nabani phakathi kwenu nonke ongowabantu bakhe, ngamana uThixo wakhe waba naye, anduluke aye eJerusalem kwelakwaJuda, ayakhe indlu kaNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, uThixo oseJerusalem.

4 Onke amasalela, ezindaweni zonke axhwarhe kuzo, makancedwe ngabantu bezo ndawo akuzo, anikwe isiliva negolide nenye impahla, kunye nemfuyo kwaneminikelo yokuqhutywa yintliziyo ukwenzela indlu kaThixo eJerusalem.’ ”

5 Ke kaloku iinkulu zezindlu zakwaJuda nakwaBhenjamin, ababingeleli, nabaLevi, naye wonke umntu ontliziyo ichukunyiswe nguThixo, balungiselela ukuya kwakha indlu kaNdikhoyo eJerusalem.

6 Bonke abamelwane babo babancedisa ngezinto zesiliva, nezegolide, nenye impahla, nangemfuyo, nezipho ezixabisekileyo, ndawonye neminikelo yokuqhutywa yintliziyo.

7 Kananjalo ke ukumkani uKoreshi wayikhupha impahla eyayisetyenziswa endlwini kaNdikhoyo, leyo yayithinjwe nguNebhukadenezare eJerusalem waza wayibeka endlwini yothixo wakhe.

8 Ukumkani uKoreshi wasePeshiya wathi mayikhutshwe nguMitredati unondyebo, owazibalayo wazinikezela kuSheshbhazare itshawe lakwaJuda.

9 Ngawo la ke amanani azo: izitya zegolide 30 izitya zesiliva 1 000 iipani zesiliva 29

10 iindebe zegolide 30 iindebe zesiliva eziyeleleneyo 410 ezinye izitya 1 000

11 Zizonke ke ezi zinto zingamawaka amahlanu anamakhulu amane, izezegolide nezesiliva. Xa bagodukayo ke abathinjwa bephuma eBhabheli besiya eJerusalem, uSheshbhazare wazithatha bahamba nazo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10