Uezra 2 XHO96

Uludwe lwabathinjwa ababuyileyo

1 Naba ke abantu bephondo lakwaJuda abâkhululwáyo ekuthinjweni kwelaseBhabheli, okuya babethinjwe ngukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli. Ke kaloku babuyela eJerusalem nakwaJuda, elowo waya kwidolophu yakowabo.

2 Babekhokelwe nguZerubhabheli, uYeshuwa, uNehemiya, uSeraya, uRelaya, uModekayi, uBhileshan, uMispare, uBhigwayi, uRewum, noBhana.Nalu ke uludwe lwamaSirayeli awabuyayo ndawonye namanani awo:

3 inzala kaParoshe 2 172

4 ekaShefatiya 372

5 eka-Ara 775

6 ekaPahati-mowabhi ngomlibo kaYeshuwa noJowabhi 2 812

7 ekaElam 1 254

8 ekaZatu 945

9 ekaZakayi 760

10 ekaBhani 642

11 ekaBhebhayi 623

12 eka-Azegadi 1 222

13 eka-Adonikam 666

14 ekaBhigwayi 2 056

15 eka-Adin 454

16 eka-Atere ngoHezekiya 98

17 ekaBhezayi 323

18 ekaYora 112

19 ekaHashum 223

20 ekaGibhare 95

21 abantu baseBhetelehem 123

22 abaseNetofa 56

23 abaseAnatoti 128

24 abaseAzemavete 42

25 abaseKiriyati-yarim, eKefira, naseBheroti 743

26 abaseRama naseGebha 621

27 abaseMikimashe 122

28 abaseBhetele naseAyi 223

29 abaseNebho 52

30 abaseMagebhishe 156

31 abenye iElam 1 254

32 abaseHarim 320

33 abaseLodi, iHadide, neOno 725

34 abaseJeriko 345

35 abaseSena 3 630

36 Ababingeleli: inzala kaYedaya ngendlu kaYeshuwa 973

37 ekaImere 1 052

38 ekaPashure 1 247

39 ekaHarim 1 017

40 AbaLevi: inzala kaYeshuwa noKademiyeli ngomlibo kaHodaviya 74

41 Iimvumi: inzala ka-Asafu 128

42 Abalindi-masango endlu kaThixo: inzala kaShalum, uAtere, uTalemon, uAkubhi, uHatita, noShobhayi 139

43 Izicaka zendlu kaThixo: inzala kaZiya, uHasufa, uTabhayoti,

44 uKerose, uSiyaha, uPadon,

45 uLebhana, uHagabha, uAkubhi,

46 uHagabhi, uShalemayi, uHanan,

47 uGidele, uGahare, uRaya,

48 uRezin, uNekoda, uGazam,

49 u-Uza, uPaseya, uBhesayi,

50 uAsna, uMewunim, uNefusim,

51 uBhakebhuki, uHakufa, uHarure,

52 uBhazeluti, uMehida, uHasha,

53 uBhakose, uSisera, uTama,

54 uNeziya, noHatifa

55 Inzala yezicaka zikaSolomon: inzala kaSotayi, uSoferete, uPeruda,

56 uYala, uDakon, uGidele,

57 uShefatiya, uHatili, uPokerete-zebhayim, noAmi

58 Izicaka zendlu kaThixo nenzala yezicaka zikaSolomon 392

59 Aba balandelayo babesuka kwiidolophu zaseTele-mela, eTele-hasha, eKerubhi, eAdan, naseImere; kambe ke ababanga nako ukuluvelisa uludwe lwemilibo yezindlu zabo kwaSirayeli:

60 inzala kaDelaya nekaTobhiya nekaNekoda 652

61 Ke kwinzala yababingeleli: inzala kaHabhaya, uHakozi, noBhazilayi (umfo owayethathe intombi kaBhazilayi umGiliyadi waza wabizwa ngaloo mlibo)

62 Aba ke balukhangela uludwe lwemilibo yezindlu zakomawabo, kodwa ke zange balufumane, ngoko ke zange babandakanywe nobubingeleli, koko bathathwa *njengabanomlaza.

63 Ke umlawuli wayalela ukuba bangatyi mpela kwizinto ezingcwele, kude kubekho umbingeleli obalungiselelayo *ngeeurim neethumim.

64 Bebonke babengamashumi amane anambini amawaka namakhulu amathathu anamashumi amathandathu,

65 ngaphandle kwamawaka asixhenxe anamakhulu mathathu, mashumi mathathu anesixhenxe ezicaka ezingamadoda nezibhinqileyo. Ngokunjalo babeneemvumi ezingamakhulu amabini amadoda nababhinqileyo.

66 Kananjalo babenamahashe angamakhulu asixhenxe mashumi mathathu nesithandathu; iimeyile ezingamakhulu amabini mashumi mane nesihlanu;

67 iinkamela zingamakhulu amane mashumi mathathu nantlanu; iidonki zona zisisithandathu samawaka, amakhulu asixhenxe mashumi mabini.

68 Bakufika endlwini kaNdikhoyo eJerusalem ezinye zeenkulu zezindlu zakhupha umnikelo ngokuqhutywa yintliziyo, ukuze kuhlaziywe indlu kaThixo esizeni sayo.

69 Banikela ngokwamandla abo kuvimba, bagalela igolide ebunzima buziikhilogram ezimakhulu mahlanu, kunye nesiliva ebunzima buziikhilogram ezimawaka mabini namakhulu asibhozo, kunye nekhulu leminweba yababingeleli.

70 Ke kaloku ababingeleli, abaLevi, iimvumi, abalindi-masango, nezicaka zendlu kaThixo, bebonke baya kuma kwiidolophu zakumawabo, ndawonye nabanye abantu. Kananjalo ke nabanye abangamaSirayeli bema ngokweedolophu zakomawabo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10