Uezra 8 XHO96

Ababuye kunye noEzra ekuthinjweni

1 Nazi iinkulu zezindlu ezabuya kunye nam, zikunye namawazo awayebhaliswe nazo, zivela eBhabheli ngemihla kakumkani uAtashasta:Okanye “uAtazezesi”

2 Kwinzala kaPineyasi nguGershom,kwinzala kaItamare nguDaniyeli,kwinzala kaDavide nguHatushe

3 kaShekaniya;kwinzala kaParoshe nguZakariya owayenamawabo angamadoda alikhulu elinamashumi amahlanu abhalisiweyo;

4 kwinzala kaPahati-mowabhi nguEliyehunayi, unyana kaZeraya, owayenamawabo angamadoda angamakhulu amabini;

5 kwinzala kaZatu nguShekaniya, unyana kaYaziyeli, owayenamawabo angamadoda angamakhulu amathathu;

6 kwinzala ka-Adin nguEbhedi, unyana kaJonatan, owayenamawabo angamadoda angamashumi amahlanu;

7 kwinzala kaElam nguYeshaya, unyana ka-Ataliya, owayenamawabo angamadoda angamashumi asixhenxe;

8 kwinzala kaShefatiya nguZebhadiya, unyana kaMikayeli, owayenamawabo angamadoda angamashumi asibhozo;

9 kwinzala kaJowabhi nguObhadiya, unyana kaYehiyeli, owayenamawabo angamadoda angamakhulu amabini aneshumi elinesibhozo;

10 kwinzala kaBhaniEli gama livela kuphela kwinguqulo yamandulo yesiGrike yeTestamente eNdala nguShelomiti, unyana kaYosifiya, owayenamawabo angamadoda alikhulu elinamashumi amathandathu;

11 kwinzala kaBhebhayi nguZakariya, unyana kaBhebhayi, owayenamawabo angamadoda angamashumi amabini anesibhozo;

12 kwinzala ka-Azegadi nguYohanan, unyana kaHakatan, owayenamawabo angamadoda alikhulu elineshumi;

13 kwinzala ka-Adonikam nguElifelete noJeweli noShemaya ababengabokugqibela ukufika, benamawabo angamadoda angamashumi amathandathu;

14 kwinzala kaBhigwayi ngu-Utayi noZabhudi kunye namawabo angamadoda angamashumi asixhenxe.

Ukubuyela eJerusalem

15 Ke kaloku ndabahlanganisa kumlambo oya eAhava, saza ke saxhwarha khona iintsuku zantathu. Ndithe ke ndakuqwalasela phakathi kwabantu nababingeleli ndafumanisa ukuba akukho baLevi.

16 Ngoko ke ndabiza uEliyezere, uAriyeli, uShemayiya, uElinatan, uYaribhi, uElinatan, uNatan, uZakariya, noMeshulam, amadoda awayeziinkokheli, noYoyaribhi noElinatan, amadoda anolwazi.

17 Ndawathuma kuIdo, inkokheli yaseKasifiya. Ndabaxelela into emaze bayithethe eKasifiya kuIdo noogxa bakhe, izicaka zendlu kaThixo, ukuze basinike abalungiseleli bendlu kaThixo wethu.

18 Ngenxa yesandla esikulunga sikaThixo esasiphezu kwethu basinika uSherebhiya umfo othumakalayo, oyinzala kaMali unyana kaLevi, unyana kaSirayeli, kunye noonyana bakaSherebhiya, nabantakwabo, ishumi elinesibhozo lamadoda,

19 kunye noHashabhiya, noYeshaya inzala kaMerari, nabantakwabo noonyana babo, amashumi amabini amadoda.

20 Beza kunye namakhulu amabini namashumi amabini ezicaka zendlu kaThixo, bephuma kwiqela elalimiselwe nguDavide namaphakathi ukuze lincedise abaLevi. Bonke babhaliswa ngamagama.

21 Khona apho ngakumlambo waseAhava ndamisela uzilo, ukuze sizithobe phambi koThixo wethu, simcele asithi jize ngohambo olukhuselekileyo, thina neentsapho zethu nako konke esinako.

22 Kambe ke ndaba neentloni ukucela ukuba ukumkani asinike amajoni nabakhweli-mahashe ukuze asikhusele ezintshabeni zendlela; kaloku apho kukumkani sasithe: “Isandla esikulunga sikaThixo wethu siphezu kwabo bonke abakhangela kuye ukuze balungelwe; ke wona amandla akhe nengqumbo yakhe iyabachasa bonke abo bamlahlayo.”

23 Ngoko ke sazila sakhunga kuThixo wethu ngalo mbandela, waza wawuphendula umthandazo wethu.

24 Ndamisela ababingeleli abaphambili abalishumi elinambini, inguSherebhiya noHashabhiya neshumi kubantakwabo.

25 Ndabalinganisela umnikelo wesiliva negolide nezo zinto zazinikelwe ngukumkani, abacebisi bakhe, amaphakathi akhe, naye wonke umSirayeli owayekhona, benikelela indlu kaThixo wethu.

26 Nanku ke umlinganiso wezinto endabanika zona:Isiliva: ama-22 eetoni;izitya zesiliva ezili-100: ama-70 eekhilogram;igolide: ama-3 400 eekhilogram;

27 iindebe zegolide ezingama-20: isi-8 esinesiqingatha seekhilogram;iindebe zobhedu ezi-2: zazilingana neendebe zegolide ngexabiso.

28 Ndathi kubo: “Nina ke ningcwalisekile *kuNdikhoyo; zikwanjalo nezi zitya. Isiliva negolide zinikezelwe kuNdikhoyo uThixo wooyihlo zingumnikelo wokuqhutywa yintliziyo.

29 Ngoko ke zigcineni ngenyameko nide nizifake emlinganisweni kumagumbi endlu kaNdikhoyo eJerusalem phambi kwababingeleli abaziinkokheli nabaLevi neenkulu zezindlu zakwaSirayeli.”

30 Ababingeleli nabaLevi ke bayamkela isiliva negolide nezitya ezingcwele ezazifakwe emlinganisweni ziza kusiwa endlwini kaThixo eJerusalem.

31 Ke kaloku ngomhla weshumi elinambini kwinyanga yokuqala sanduluka kumlambo waseAhava, sasinga eJerusalem. Isandla sikaThixo wethu saba phezu kwethu, wasikhusela ezintshabeni zethu nakwizikrelemnqa zendlela.

32 Saya kufika eJerusalem, saza ke saphumla iintsuku zantathu.

33 Ke kaloku ngosuku lwesine sayilinganisa isiliva negolide nezinto ezingcwele, sazinikela kuMeremoti unyana kaUriya umbingeleli endlwini kaThixo wethu. UElazare unyana kaPineyasi wayekunye naye, ngokunjalo naba baLevi: uYozabhadi unyana kaYeshuwa noNowadiya unyana kaBhinuwi.

34 Yonke ke into eyayilapho yabalwa ngamanani nangobunzima, kwaza ke kwangelo thuba kwabhalwa phantsi.

35 Ke kaloku abathinjwa ababuyayo benzela uThixo kaSirayeli amadini atshiswayo: ishumi elinambini leenkunzi zeenkomo ngenxa kaSirayeli ephela, iinkunzi zeegusha ezimashumi alithoba anesithandathu, namashumi asixhenxe anesixhenxe amaxhwane angamaduna, kunye neshumi elinambini leebhokhwe ezingamaduna zokwenza idini lesono. Yonke loo nto ke yayiyeyokwenzela uNdikhoyo idini elitshiswayo.

36 Bayinikezela nencwadi eyayiphuma kukumkani, bayinika iirhuluneli nabalawuli bakwelentshona ye-Efrati; ke bona babancedisa abantu, bafaka igxalaba nakumsebenzi wokwakhiwa kwendlu kaThixo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10