18 Kwinzala yababingeleli naba abathathe abafazi abaziintlanga:Kwinzala kaYeshuwa kaYozadaki nabantakwabo nguMaseya noElezere noYaribhi noGedaliya.
19 Bona bathembisa ukuba bobagxotha abafazi, baza banikela ngenkunzi yebhokhwe ngenxa yetyala labo.
20 Kwinzala kaImere nguHanani noZebhadiya.
21 Kwinzala kaHarim nguMaseya noEliya noShemaya noYehiyeli noUziya.
22 Kwinzala kaPashure nguEliyohenayi noMaseya noIshmayeli noNataniyeli noYozabhadi noElasa.
23 KubaLevi nguYozabhadi noShimeyi noKelaya, lo ugama limbi linguKelita, noPetaya noJuda noElizere.
24 Kwiimvumi nguEliyashibhi.Kubagcini-masango nguShalum noTelem noUri.