23 KubaLevi nguYozabhadi noShimeyi noKelaya, lo ugama limbi linguKelita, noPetaya noJuda noElizere.
24 Kwiimvumi nguEliyashibhi.Kubagcini-masango nguShalum noTelem noUri.
25 Kwamanye amaSirayeli ngâba:Kwinzala kaParoshe nguRamiya, noIziya noMalekiya noMiyamin noElazare noMalekiya noBhenaya.
26 Kwinzala kaElam nguMataniya noZakariya noYehiyeli noAbhedi noJeremoti noEliya.
27 Kwinzala kaZatu nguEliyohenayi noEliyashibhi noMataniya noJeremoti noZabhadi noAziza.
28 Kwinzala kaBhebhayi nguYohanan noHananiya noZabhayi noAtelayi.
29 Kwinzala kaBhani nguMeshulam noMaluki noAdaya noYashubhi noSheyali noJeremoti.