56 uYala, uDakon, uGidele,
57 uShefatiya, uHatili, uPokerete-zebhayim, noAmi
58 Izicaka zendlu kaThixo nenzala yezicaka zikaSolomon 392
59 Aba balandelayo babesuka kwiidolophu zaseTele-mela, eTele-hasha, eKerubhi, eAdan, naseImere; kambe ke ababanga nako ukuluvelisa uludwe lwemilibo yezindlu zabo kwaSirayeli:
60 inzala kaDelaya nekaTobhiya nekaNekoda 652
61 Ke kwinzala yababingeleli: inzala kaHabhaya, uHakozi, noBhazilayi (umfo owayethathe intombi kaBhazilayi umGiliyadi waza wabizwa ngaloo mlibo)
62 Aba ke balukhangela uludwe lwemilibo yezindlu zakomawabo, kodwa ke zange balufumane, ngoko ke zange babandakanywe nobubingeleli, koko bathathwa *njengabanomlaza.