60 inzala kaDelaya nekaTobhiya nekaNekoda 652
61 Ke kwinzala yababingeleli: inzala kaHabhaya, uHakozi, noBhazilayi (umfo owayethathe intombi kaBhazilayi umGiliyadi waza wabizwa ngaloo mlibo)
62 Aba ke balukhangela uludwe lwemilibo yezindlu zakomawabo, kodwa ke zange balufumane, ngoko ke zange babandakanywe nobubingeleli, koko bathathwa *njengabanomlaza.
63 Ke umlawuli wayalela ukuba bangatyi mpela kwizinto ezingcwele, kude kubekho umbingeleli obalungiselelayo *ngeeurim neethumim.
64 Bebonke babengamashumi amane anambini amawaka namakhulu amathathu anamashumi amathandathu,
65 ngaphandle kwamawaka asixhenxe anamakhulu mathathu, mashumi mathathu anesixhenxe ezicaka ezingamadoda nezibhinqileyo. Ngokunjalo babeneemvumi ezingamakhulu amabini amadoda nababhinqileyo.
66 Kananjalo babenamahashe angamakhulu asixhenxe mashumi mathathu nesithandathu; iimeyile ezingamakhulu amabini mashumi mane nesihlanu;