66 Kananjalo babenamahashe angamakhulu asixhenxe mashumi mathathu nesithandathu; iimeyile ezingamakhulu amabini mashumi mane nesihlanu;
67 iinkamela zingamakhulu amane mashumi mathathu nantlanu; iidonki zona zisisithandathu samawaka, amakhulu asixhenxe mashumi mabini.
68 Bakufika endlwini kaNdikhoyo eJerusalem ezinye zeenkulu zezindlu zakhupha umnikelo ngokuqhutywa yintliziyo, ukuze kuhlaziywe indlu kaThixo esizeni sayo.
69 Banikela ngokwamandla abo kuvimba, bagalela igolide ebunzima buziikhilogram ezimakhulu mahlanu, kunye nesiliva ebunzima buziikhilogram ezimawaka mabini namakhulu asibhozo, kunye nekhulu leminweba yababingeleli.
70 Ke kaloku ababingeleli, abaLevi, iimvumi, abalindi-masango, nezicaka zendlu kaThixo, bebonke baya kuma kwiidolophu zakumawabo, ndawonye nabanye abantu. Kananjalo ke nabanye abangamaSirayeli bema ngokweedolophu zakomawabo.