1 Ke kaloku yathi ifika inyanga yesixhenxe, aye amaSirayeli selezinzile kwiidolophu zawo. Ke bonke abantu baqokelelana eJerusalem.
2 UYeshuwa unyana kaJozadaki nabantakwabo ababingeleli kunye noZerubhabheli unyana kaShelatiyeli noogxa bakhe baqalisa ukwakha iqonga likaThixo kaSirayeli lokwenza amadini atshiswayo, ngokwamazwi abhalwe kumthetho kaMosis umfo wakwaThixo.
3 Nakuba babebaxhalele abantu ababemelene nabo, balakha iqonga esizeni salo, baza benzela *uNdikhoyo amadini atshiswayo apho kulo, ndawonye namadini akusasa nawamatshona.
4 Kananjalo njengoko kubhaliwe, babhiyozela iTheko lamaPhempe, imini nganye ngokwamadini atshiswayo amiselweyo.
5 Emva koko banikela amadini atshiswayo amiselweyo: amadini okuthwasa kwenyanga, namadini amatheko kaNdikhoyo amiselweyo, kunye neminikelo yokuqhutywa yintliziyo kuNdikhoyo.