18 “Ngeseleyo ke isiliva negolide, ungadibana namawenu amaJuda nenze loo nto niyibona ifanelekile ngokwentando yoThixo wenu.
19 Zonke izinto ozinikelweyo zonqulo kwindlu yoThixo wakho uze uzinikezele kuThixo waseJerusalem.
20 Nantoni na eyenye efunekayo kwindlu yoThixo wakho leyo kufuneka uyikhuphile yophuma koovimba bakomkhulu.
21 “Ke mna kumkani uAtashasta ndiwisa umyalelo wokuba yonke into efunwa ngumbingeleli uEzra, umchazi-mthetho kaThixo wezulu, ize iqwalaselwe ikhutshwe koovimba bakwelentshona ye-Efrati.
22 Ewe, angánikwa kude kuye kuma kwisiliva ebunzima buziikhilogram ezingamawaka amathathu anamakhulu amane, nengqolowa ebunzima buziikhilogram ezilishumi lamawaka, namawaka amabini eelitha zewayini, namafutha omnquma aziilitha ezingamawaka amabini, ityuwa ke yona kangangoko ifunekayo.
23 Nantoni na emiselwe indlu yakhe nguThixo wezulu mayiqwalaselwe ayenzelwe. Ngani ukuba umbuso kakumkani noonyana bakhe uyekelwe ngengqumbo?
24 Kananjalo uze uqonde ukuba akunagunya lakubiza rhafu, mnikelo, namrhumo, kubabingeleli, abaLevi, iimvumi, abalindi-masango, nezicaka zendlu kaThixo, okanye nomnye umntu osebenza apho endlwini kaThixo.