8 kwinzala kaShefatiya nguZebhadiya, unyana kaMikayeli, owayenamawabo angamadoda angamashumi asibhozo;
9 kwinzala kaJowabhi nguObhadiya, unyana kaYehiyeli, owayenamawabo angamadoda angamakhulu amabini aneshumi elinesibhozo;
10 kwinzala kaBhaniEli gama livela kuphela kwinguqulo yamandulo yesiGrike yeTestamente eNdala nguShelomiti, unyana kaYosifiya, owayenamawabo angamadoda alikhulu elinamashumi amathandathu;
11 kwinzala kaBhebhayi nguZakariya, unyana kaBhebhayi, owayenamawabo angamadoda angamashumi amabini anesibhozo;
12 kwinzala ka-Azegadi nguYohanan, unyana kaHakatan, owayenamawabo angamadoda alikhulu elineshumi;
13 kwinzala ka-Adonikam nguElifelete noJeweli noShemaya ababengabokugqibela ukufika, benamawabo angamadoda angamashumi amathandathu;
14 kwinzala kaBhigwayi ngu-Utayi noZabhudi kunye namawabo angamadoda angamashumi asixhenxe.