4 Bonke ke abantu abalihlonelayo ilizwi likaThixo kaSirayeli baqokelelana ngakum ngenxa yoku kunganyaniseki kwabathinjwa. Ndahlala apho ndimangalisekile kwada kwalithuba lamadini asemalanga.
5 Ngelo thuba lamadini amatshona ndaphakama kuloo ndawo yokuzithoba kwam, nezo mpahla zam zidlaka-dlaka zinjalo, ndaza ndaguqa ngamadolo, izandla ndaziphakamisela *kuNdikhoyo uThixo wam,
6 ndathandaza ndathi: “Yhoo, Thixo wam! Ndidanile, ndineentloni, ndingenako nokubuphakamisela kuwe ubuso bam, Thixo wam. Kaloku izono zethu zisuke zayinkabankaba esiveleleyo; ubutyala bethu sebufikelele emazulwini.
7 Ukususela kwimihla yoobawo-mkhulu kude kube kalokunje sinetyala elikhulu. Ngenxa yobugwenxa bethu thina nookumkani bethu nababingeleli bethu sesaba sisisulu sekrele, ukuthinjwa, ukuhluthwa izinto zethu, nokuhlazeka ezandleni zookumkani beentlanga, njengoko kusenjalo nanamhla.
8 “Kodwa ke ngoku okwalo mzuzu, wena Ndikhoyo Thixo wethu, usibabale ngokusishiyela amasalela, wasizinzisa nakule ndawo ingcwele. Ewe, Thixo wethu, usenzele umnyinyiva nebuya-mbo ekuthinjweni.
9 Nangona singamakhoboka, wena Thixo wethu akusilahlanga ekuthinjweni. Izikumkani zasePeshiya uzenze zanobubele kuthi. Usithe jize ngebuya-mbo lokuba sivuse indlu kaThixo wethu, siwavuse namabhodlo, waza ke wasikhusela thina bakwaJuda naseJerusalem.
10 “Ngoku ke, Thixo wethu, sothini kodwa xa kunje? Kaloku sisuke sayidela imiyalelo