3 Ke uJona walithobela ilizwi likaNdikhoyo, waya eNiniva. INiniva le ibisisixeko esikhulu gqitha. Bekumthatha umntu iintsuku ezintathu ukuphumela kuyo.
4 Ke kaloku uJona waluqala uhambo lwakhe kweso sixeko. Akuba ehambe imini yonke wadanduluka wathi: “Yoba ziintsuku ezimashumi mane kuphela, itshatyalaliswe iNiniva.”
5 Abo bantu baseNiniva balwamkela olo daba lukaThixo. Ngoko ke bamisela inzila, baza bonke abantu, kuqalela komdala kuye komncinane, bavatha ezenzila.
6 Akuyiva le nto ukumkani wakhona waphuma ebhotwe, umnweba wakhe wawuthi tya phaya, wanxiba ezenzila, wahlala eluthuthwini.
7 Waza ke wakhupha isaziso esithi: “Nasi isaziso esigunyaziswe ngukumkani namaphakathi: Makuzilwe, kungabikho mntu okanye silwanyana ongcamla nantoni na, nditsho iinkomo nempahla emfutshane. Ewe, makungatyiwa nto, kungàselwa namanzi.
8 Abantu nemfuyo mabavathe ezenzila. Bonke mabakhale kuThixo ngamandla, bahlukane neendlela zabo ezimbi nogonyamelo lwabo.
9 Mhlawumbi uThixo angayijika ingqondo yakhe, abuye nganeno ngengqumbo yakhe, size ke thina singatshabalali.”