7 Uhlasela okwamagorha;ugwencel' iindonga okwamajoni;ungqala phambili ungajika-jiki.
8 Ewe, awugxalathelani, uhlala uthe mbo;nokuba sewubulawa loo nto ayiwuthibazi.
9 Usuka uphoseke phakath' esixekweni,uqakathe phezu kwezo ndonga.Usuka utsho phakathi ezindlwininangeefestile ngathi ngamasela.
10 Wakuvela suka kunyikim' umhlaba;ke sona isibhakabhaka singcangcazele,ilanga nenyanga zijike zibe mnyama,ke zona iinkwenkwezi zitsho zifiphale.
11 UNdikhoyo uzongomisa ngelo lizwi,endolosa phambi komkhosi wakhe.Awakhe amabutho yinkungu nelanga;ewe, yena uthotyelwa ngamagorha.Hay' ubukhulu bemini kaNdikhoyo!Awu, hay' ukoyikeka kwayo!Yaz'ba ngubani na onokumelana nayo?
12 Ewe kaloku, utsho uNdikhoyo,yena uthi: “Qalisani kwangoku.Buyelani kum ngamxhelo mnyengokuzila, ngeenyembezi, nangesingqala.”
13 Ndithi sanukuzikrazula izinxibo,koko zisoleni kukrazuk' iintliziyo.Buyelani kuNdikhoyo uThixo wenu;kaloku yena unesisa kwanemfobe,uza kade umsindo,yimvuze-mvuze ngobubele;ewe, unebuyambo, akananqala.