Ujoweli 3 XHO96

Ukugwetywa kwezizwe

1 “Ke kaloku ngaloo mihla,ngalo kanye elo xesha,ekuyibuyiseleni kwam iJerusalem noJudakwimeko yayo yangaphambili,

2 ndoziqokelela zonke izizwe,ndizithobele kwintili kaYoshafati,apho ke ndozigweba khonangenxa yelifa lam abantu bam amaSirayeli.Kaloku bawasarhaze aziimbacu ezizweni,bawahlula-hlula umhlaba wam.

3 Benze *amaqashiso ngabantu bam;ngenxa yamahenyukazi bathengisa ngamakhwenkwe,ngenxa yewayini bathengisa ngamantombazana,khon' ukuze babe nento yokusela.

4 “Kambe ke niya kundenza ntoni na, nina Tire neSidon nemimandla yaseFilistiya? Ngaba nizama ukuphindisa ngenxa yesenzo sam? Xa kunjalo ke mna ndokhawuleza ndinibuyekeze kwangoko.

5 Kaloku nayithimba isiliva negolide yam, nabuthatha nobona buncwane bobutyebi bam, nabuthimba nabusa ezindlwini zoothixo benu.

6 AbakwaJuda nabaseJerusalem nithengise ngabo kumaGrike, nabasa kude lé kwelakowabo.

7 Ngoku ke ndiza kubaphuthuma kwezo ndawo wabathengisa kuzo, ndiphindise ngenxa yezinto owazenza kubo.

8 Oonyana neentombi zenu ndobathengisa kumaJuda; aze wona abathengise kwisizwe esikude, amaShebha.” Lawo ke ngamazwi kaNdikhoyo.

9 Le nto yivakaliseni ezizweni.Ndithi hlaban' umkhosi.Ewe, waxhokonkxeni amajoni.Onke amadoda emfazwe makasondele ahlasele.

10 Amakhuba wajikeni abe ngamakrele,izitshetshe zokuthena imithi zibe yimikhonto.Negwala malithi: “Ndilikroti.”

11 Phuthumani, yizani nonke, zizwe ezijikelezileyo;yizani niqokelelane apho.Thoba umkhosi wakho, Ndikhoyo.

12 “Ke zona izizwe mazishukunyiswezingene kwintili kaJoshafati.Oko kukuthi “kwiNtili yokuGweba kukaNdikhoyo”Ke mna ndohlala khona,ndizigwebe iintlanga ezijikelezileyo.

13 Ewe, khawufake irhengqe;kaloku isivuno sivuthiwe ngoku.Ngena uxovule iidiliya;sona isixovulelo sizele,kananjalo nemiphanda iyaphuphuma.Kaloku inkohlakalo yabo inkulu.”

14 Nâbo beyinyambalala yesihlwele phaya kwintili yesigqibo.Kaloku imini kaNdikhoyo isemnyango;ewe, iyifikele intili yesigqibo.

15 Loba mnyama ilanga nenyanga;iinkwenkwezi zosuka zifiphale.

16 UNdikhoyo wobhavuma eZiyon,izwi lakhe lizongome eJerusalem,umhlaba nesibhakabhaka utsho ungcangcazele.Ke abakhe bazimela ngaye uNdikhoyo;ewe, yena ulixhadi labantu bakhe amaSirayeli.

Intsikelelo yabantu bakaThixo

17 “Ke kaloku nina notsho niqondeukuba mna *Ndikhoyo ndinguThixo wenu.Ndaye ke ndihlala eZiyon,ndawo leyo iyintaba yam engcwele.IJerusalem yoba sisixeko esingcwele,ingaze iphinde yoyiswe ziintlanga.

18 “Ngaloo mihla iintaba zovuz' iwayini entsha,ke zona iinduli ziphalale ubisi,iintlambo zonke zakwaJuda zimpompoze amanzi.Kwindlu kaNdikhoyo kogqabhuk' umthombo,kunkcenkceshelwe intili yaseShitim.

19 IJiputa yojika ibe yintlango,iEdom ibe yinkangala ebharhileyo,kuba zisuke zamgonyamela uJuda,ezweni lakhe zaphalaza igazi elingenatyala.

20 UJuda uya kumiwa naphakade,iJerusalem imiwe zizizukulwana ngezizukulwana.

21 Ityala labo legazi endilibambileyo mna ndiya kulixolela.”Kaloku uNdikhoyo umi eZiyon.

kwizahluko

1 2 3