Ujoweli 1 XHO96

Isingeniso

1 Nali ilizwi *likaNdikhoyo elafika kuJoweli unyana kaPetuweli.

Uhlaselo lweenkumbi

2 Hoyina, zingwevu zakowethu!Yivani, nonke bemi beli lizwe!Nikhonje nakha nayibona into enje?Khona kwimihla yamanyange yakhe yakho phi?

3 Ke, yixeleni kubantwana benu;nabo ze bayixelele abantwana babo,ukuze nabo bayixelele isizukulwana esizayo.

4 Oko kushiywe ngumqikela kudliwe yinkumbi;okushiywe yinkumbi kudliwe ngumkhothululi;ukanti okushiywe ngumkhothululi kudliwe ngumnqunquthi!

5 Vukani, nitshw' esofelweyo, manxila;lilani nonke nigixe, baseli bewayini.Ewe, bhombolozani ngenxa yewayini entsha –kaloku sobe nibe saphinda niyirhabule.

6 Kaloku eli lizwe lihlaselwe ngumkhosi;ewe, ziingwanyalala eziyinyambalala.Ngenene zizinto ezimazinyo angxavula okwengonyama.Ngonyamakazi yakwabani emabamba anje?

7 Isidiliya sam usibhuqe bhuqiyane,imithi yam yomkhiwane wayitshabalalisa.Ewe, uyixoze wada wayixobula,wageqa noomaxolo ejuba phaya.Ewe, iziphunzi zasala zimhlophe wee.

8 Ngoko ke hlahlambani nixel' umfazana ozilayoeswelekelwe ngumyeni wakhe.

9 Okokwayo iminikelo yeenkozo,ngokunjalo neminikelo yewayini,inqamkile endlwini *kaNdikhoyo.Ngoko ke ababingeleli bayagixa;nditsho abo bangabalungiseleli bakaNdikhoyo.

10 Kaloku nanko amasimi eze,nomhlaba ngokwawo uyabhomboloza.Kaloku ingqolowa itshabalele,newayini yembala inqamkile.Asisathethi ke ngamafutha omnquma.

11 Ewe, ncamani, nina balimi,nihlahlambe, batyali bomdiliya,nangenxa yengqolowa nerhasi.Ngenene isivuno samasimi sitshatyalalisiwe.

12 Umdiliya usuke woma khwahla;kanti wona umkhiwane uswamile.Oomirharnati, isundu, nom-apile,suka yabharha yonk' imithi.Nasebantwini imivuyo iphelile.

Ukuzisola nenguquko

13 Ke nina, babingeleli, fakan' ezokufelwa nizile;bhombolozani, balungiseleli baseqongeni.Yambathani ezokuzila nasebusuku,nditsho nina, balungiseleli bakaThixo wam,ngenxa yeminikelo yeenkozo nethululwayo.Kaloku yona inqamkile endlwini yoThixo wenu.

14 Bhengezani ithuba lokuzila;ewe, miselani imbizo eyodwa.Waqokeleleni amadod' amakhulu;xa bebonke abemi beli lizwemabeze endlwini kaNdikhoyo uThixo wenu,bakhale kuye.

15 Hay' ukoyikeka kwaloo mini!Ewe, imini kaNdikhoyo isemnyango!Yogaleleka ipheth' intshabalalo evela kuSomandla.

16 Kaloku kona ukutya suka kwanqanyulwa phambi kwamehlo ethu.Asisathethi ke ngemivuyo nolonwabo –alusekho nasendlwini kaThixo wethu.

17 Imbewu isuka ingunde phantsi kwamagade.Udladla ngokwalo seludlakadlaka,noozisele ngokwazo zidibekile.Kaloku ingqolowa itshile.

18 Nâzo izilwanyana zigxwala,imihlambi yeenkomo ikhohliwe.Kaloku amadlelo azo akaphethe nto,ukanti ke neegusha zixhwithekile.

19 Ewe, Ndikhoyo, ndibhenela kuwe.Kaloku amadlelo ethu atshile;nemithi yonke irhawuke yaphela,kwanga ilenywa lidangatye.

20 Abhenele kuwe amarhamncwa nezilwanyana.Kaloku imithombo yamanzi itshe qoko;ewe, amadlelo asuke abharha.

kwizahluko

1 2 3