1 Khanibuye kaloku, maSirayeli;buyelani *kuNdikhoyo, kuThixo wenu.Kaloku niwile ngenxa yezono zenu.
2 Thathani la mazwi nibuyele kuNdikhoyo,nithethe naye nithi:“Sixolele bonke ubugwenxa bethu,uze wamkele okulungileyo;endaweni yeenkunzi zeenkomo sinikela kuwe ngamazwi emilebe yethu.
3 Akanakusisindisa uAsiriya;asiyi kukhwela mahashe emfazwe.Asiphindi sithi: ‘Thixo wethu,’ entweni esiyenze ngokwethu,kuba kukuwe apho inkedama ifumana inceba khona.”
4 “Ndiza kukunyanga ukunxaxha kwabo,ndibavave ngesisa sothando,kuba kaloku andisabaqumbelanga.
5 KuSirayeli ndoba njengombethe,atsho aqhakaze njengenyibiba,endele azike emhlabeni,afane nomsedare waseLebhanon.
6 Amasebe akhe aya kunaba,abe nomkhitha njengomnquma,aqhole njengomsedare waseLebhanon.
7 Abaphila phantsi kwephiko lakhebaya kuchuma njengengqolowa,badubule njengediliya,badume njengewayini yaseLebhanon.
8 Efrayim, andinanto yakwenza *nezithixo.Ndim osabelayo akukhathalele;ndifana nompayini ohlal' uluhlaza.Kungenxa yam uneziqhamo nje.”
9 Osisilumko uya kuziqonda ezi zinto;oqaphelayo uya kukwazi oku.Iindlela *zikaNdikhoyo zithe ngqo.Ke amalungisa ahamba ngazo;ke bona abakreqi ziyabakhubekisa.