1 Musa ukonwaba, Sirayeli;ewe, sukuvuya njengezinye izizwe.Kaloku wena umphambile uThixo wakho;wena usuke wamfulathela.Uthe phithi yimali yokuzithengisakuzo zonke izanda zokubhula.
2 Izanda nezixovulelo aziyi kuvelisa nto,newayini entsha yosuka inqongophale.
3 Awuzukuhlala kulo mhlaba *kaNdikhoyo.Ewe, úza kuphindela eJiputa uEfrayim;uya kutya ukutya okunomlaza eAsiriya.
4 Ewe, uNdikhoyo abayi kumenzela iminikelo yewayini;ayiyi kumanelisa iminikelo yabo.Kubo lo mnikelo wofana nesonka sabazili –abawutyileyo baya kuba nomlaza.Ukutya kwabo kolungela bona kuphela –akuyi kunikelwa kwindlu kaNdikhoyo.
5 Hee, niya kwenza ntoni ke ngemihla yemibhiyozo emisiweyo,ngomhla wetheko likaNdikhoyo?
6 Xa bangasindiyo ekutshatyalalisweniiJiputa yofika yona ibaqokelele,ke yena uMemfisi abangcwabe.Ubutyebi besiliva buya kukhulelwa lukhula,imizi yabo ibhijelwe yimithana enameva.
7 Iyeza imihla yesohlwayo –nditsho imihla yembuyekezo –noSirayeli ke uza kuqonda.Ngenxa yokwanda kobugwenxa benu,nobunzulu bentiyo yenu,*umshumayeli nithi sisityhakala,umntu onefuthe likaMoya uphambene.
8 Umshumayeli ngumlindi kaEfrayim,bantu abo bangaboThixo wam,kodwa ubekelwa izabatha,kuliwe naye endlwini yoThixo wakhe.
9 Ewe, bonakele ngokungathethekiyo;kunjengaloo mihla yaseGibheya.UThixo akabulibalanga ubugwenxa babo,yaye ke uza kubohlwayangenxa yezono zabo.
10 Ndathi mhla ndamfumana uSirayelikwanga ndibhaqe iidiliya entlango;mhla ndabafumana ookhokho benuyaba ngathi ndibhaqe amakhiwane,makhiwane ke alulibo.Bathe bakufika eBhali-pehoresuka bazinikela kuBhali,baza bagqwaliseka njengaye kum.
11 Udumo lukaEfrayim lothi shwaka,luntinge lumke njengentaka.Akukho mfazi uya kukhulelwa;ewe, akukho mfazi uya kubeleka.
12 Naxa benabo abantwana abakhulayondobatshayela kuthi tu.Mawo-o-o! Yeka mhla ndabafulathela!
13 Ndambona uEfrayim enjengeTire,emi kwisithabazi somhlaba.Kambe abantwana bakhe baya kuzingelwa,bona boba zizisulu zokubulawa.
14 Azi ndothini na *kuNdikhoyo?Mandithi banike ntoni na kodwa?Izizalo ezingaphathi nto;amabele awomileyo.
15 Ngenxa yezono abazenza eGiligalimna ndatsho ndabacaphukela.Ngenxa yezenzo zabo ezigwenxandiza kubagxotha endlwini yam.Ukubathanda kwam kwaphusile;kaloku iinkokheli zabo zindivukele.
16 Ngenene uEfrayim uphanzile,womile ukususela ezingcanjini;ewe, akathwali ziqhamo.Noba angade azalendoyibhubhisa loo nzala ayithandayo.
17 UThixo wam wabalahla kwesinomhlwa;kaloku bona abamphulaphulanga.Ngoko ke boba ziimbacu ezizweni.