Uhosiya 2 XHO96

1 Nize nithi kubanakwenu: ‘Bantubam,’ koodade benu nithi: ‘Nonceba.’ ”

Ukunganyaniseki kwamaSirayeli

2 “Thethani nonyoko nimmangalele.Kaloku akasemfazi wam;nam ke andindoda yakhe.Yitshoni ahlukane nobuhenyu bakhe,akuyeke ukukrexeza akutsala ngamabele akhe.

3 Kungenjalo ndomhluba abe ze,abe njengamhla wazalwa.Ndomenza abe njengentlango,abe matwa nelo libharhileyo,ndimbulale ngonxano.

4 Andiyi kuba nanceba kubantwana bakhe;kaloku ngabantwana bobuhenyu.

5 Unina usuke wahenyuza;lowo ubazeleyo wenze okuziintlondi.Kaloku yena wathi:‘Ndiya kulandelana nezithandwa zamezindinik' ukutya namanzi,uboya nelinen,amafutha kunye nesiselo.’

6 Ndosuka ndimbiyele ngobobo;ndomakhel' udonga ndimvingcele,athinteleke kwindlela ahamba ngayo.

7 Wosukelana nezithandwa zakhe,phofu angaze azifumane.Uya kuba ngafuna-funaibe yinqaba ukuzifumana,ade asuke athi:‘Mandibuyele kwindoda yam yokuqala;kwakubhetele ngoko kunangoku.’

8 Kaloku yena akaqondiukuba yayindim omnikayoingqolowa newayini namafutha,ndimvava ngesiliva negolide,waza wanqula *uBhali ngayo.

9 Ngoko ke ndoyihluthaingqolowa ngexesha layo,newayini ngethuba elimisiweyo;ewe, ndomhlutha uboya kunye nelinen,izinto afihla ubuze bakhe ngazo.

10 Ndosuka ke mna ndilityhile ihlazo lakhephambi kwezithandwa zakhe,angahlangulwa bani kum.

11 Ndoyinqamla imibhiyozo yakhe –nditsho amatheko enyanga entsha,kananjalo *nawoMhla wokuPhumla –yonke imisitho yakhe emisiweyo.

12 Ndoyibharhisa imithi yediliya nekhiwane,le athi yena ukuyibiza:‘Ngumvuzo endiwunikwe zizithandwa zam.’Ndoyenza ibe lihlathi,idliwe ziinyamakazi zasendle.

13 Ewe, ndiya kumohlwayangenxa yemihla awayenqula uBhaliemenzela iziqhumiso,ezihombisa ngamaso nemisesane,esukelana nezithandwa zakhe,esuke wandilibala ke mna.”Lowo ke ngumlomo *kaNdikhoyo.

UNdikhoyo ubuyisela abantu bakhe kuye

14 “Ndosuka ke mna ndicenga-cengane naye;ndomthundezela entlango,ndithethe naye kakuhle.

15 Ukususela apho ndombuyisela izidiliya zakhe,yona iNtili yeAkore ndiyenze ibe lisango lethemba.Yena uya kundamkela,azinikezele kum njengakwimihla yobutsha bakhe,mhla waphuma kwelaseJiputa.

16 “Ngaloo mini wondibiza uthi: ‘Myeni wam,’ungabi sathi: ‘Bhali wam.’”Utsho umlomo kaNdikhoyo.

17 “Ndosusa kwa-amagama athi: ‘Bhali,’angabi sabikho emlonyeni wakhe,angabi saphinda akhunjulwe.

18 Ngaloo mini ndobenzela umnqophisonamarhamncwa asendle,kunye neentaka zezulu,nezinto ezirhubuluza emhlabeni.Isaphetha nekrele nemfazwendozinqamla kweli hlabathi,ukuze konke nje kube luxolo.

19 Ndiya kukungeja, ndimanyane nawe ngonaphakade;ewe, ndokungeja ngobulungisa nangokusemthethweni,ngokunyaniseka nangenceba.

20 Ndokumanya nam ngentembeko,khon' ukuze undazi mna *Ndikhoyo.

21 “Ngaloo mini ndophendula;ndowaphendula amazulu,nawo awuphendule umhlaba.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

22 “Nawo umhlaba uya kuphendula,uvelise ingqolowa newayini namafutha,zona eziyimpendulo kwiYizereli.

23 Ndozihlwayelela yena emhlabeni,ndimenzele inceba lowo bekusakuthiwa nguAkenzelwanga-nceba.Kwabo kuthiwa: ‘Asibantu bam,’ndiya kuthi: ‘Ningabantu bam,’bona bathi kum: ‘Wena unguThixo wethu.’ ”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14