Uhosiya 5 XHO96

USirayeli uyagwetywa

1 “Bekan' iindlebe nive, babingeleli!Khaniphulaphule, ndlundini kaSirayeli!Qwalaselani niqiqe nani, makomkhulu,kuba kaloku ngoku zidla kuni.Kaloku nibe sisirhintyelo eMizpa,suka nina nangumgibe eTabhore,

2 suka nemba umhadi eShitim.Ukanti ke ndiza kunohlwaya xa ninonke.

3 Kaloku ndiyanazi, ndlundini kaEfrayim;ewe, Sirayeli, awufihlakalanga apha kum.Wena Efrayim, usahenyuza nangoku!Mh-mh-mh! Urhono-rhono, Sirayeli!

4 “Izenzo zabo zisuke zaxaba,zayivala indlela yokubuyela kuThixo wabo.Kaloku bathiwe fithi luhenyuzo;abamkhathalele nganto *uNdikhoyo!

5 Ikratshi likaSirayeli liyamjikela;uSirayeli noEfrayim baza kukhubeka bawe ngenxa yobugwenxa babo,kwanoJuda atsho akhubeke awe kunye nabo.

6 Baxhakazela behamba nemihlambi yabo,befuna uNdikhoyo ngamadini,kodwa soze bamfumane;kaloku yena urhoxile kubo.

7 Kaloku bona bayamphamba uNdikhoyo;ewe, bade bazale nemigqakhwe.Ke amatheko abo okuthwasa kwenyangaobaqwenga kunye namasimi abo.

8 “Hlokomisan' isigodlo eGibheya,nihlab' umkhosi ngexilongo eRama.Ze niwuvakalise naseBhetaven.IBhetaven, igama elithetha umzi wenkohlakalo, ligama ebizwa ngalo apha iBhetele, igama elithetha umzi kaThixoPhakath' emsini, wena Bhenjamin!

9 Yeka ke ngomhla wesohlwayo:uEfrayim yena ndomvuthulula.Nonke nina zindlu zikaSirayeli,yazini, kuba oku kuqinisekile.

10 Kaloku wona amatshawe akwaJudaselefana nâbo bahlehlisa umlimandlela.Ndosuka ndibagalele ngomsindo wam,babe ngathi bafikelwe ziimpuphuma.

11 Ewe, uEfrayim ubandezelekile;suka wamvikiva umgwebo,kuba yena usukelana nezithixo ezingento yanto.

12 Ndoba njengenundu kumaEfrayim,ndibe njengombolisa kwaJuda.

13 UEfrayim wasibona isifo sakhe,noJuda wazibona iinduma zakhe.Suka uEfrayim wabhenel' eAsiriya,wazibika apho kukumkani uYarebhi;kodwa yena nkqi ukunyanga,soze aziphozise ezo nduma.

14 Ke kuEfrayim ndoba njengengonyama;ewe, ndibe lirhamncwa kwindlu kaJuda.Ndobaqwenga-qwenga ndibashiye,ndibafuduse bangahlangulwa bani;

15 ndize ke ndibuyele endaweni yam,bade basivume isono sabo,banqwenele ukububona ubuso bam.Ewe, bondizingela bendifunangenxa yokuminxwa ziimbandezelo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14