1 “Yizani kaloku, sibuyele *kuNdikhoyo.Ewe, yena usidlakazile,kodwa usenako ukubuya asinyange.Ngenene yena usenzakalisile,ukanti ke angabuya asibophe.
2 Emva kweentsuku ezimbini wosidlisa ubomi,ngolwesithathu ke asivuse,sitsho siphile phambi kwakhe.
3 Hayi ke, masimvume uNdikhoyo;ewe, masikuxunele ukumazi.Ukubonakala kwakhe kuqiniseke njengokuphuma kwelanga.Uya kusifikela njengemvula yasebusika –njengeemvula zentlakohlaza ezinyakamisa umhlaba.”
4 “Mandikuthini na kodwa, Efrayim?Mandenze ntoni na ngawe, Juda?Uthando lwenu lunjengenkungu yakusasa,nqwa nombethe othi shwaka kwangoko.
5 Ngoko ke ndaninqunqa ngabashumayeli bam;ewe, ndinixhelile ngamazwi am,isigwebo silenya njengombane phezu kwenu.
6 Kaloku ndithanda inceba,andithandi minikelo.Ndinonelele ukwazi uThixongaphezu kwamadini atshiswayo.
7 EAdam bawaphula umnqophiso;ewe, khona basuka baqhankqalaza.
8 IGiliyadi sisixeko sabenza ububi,umzila weenyawo zayo umtyibilizi ligazi.
9 Njengezihange ezilalel' umntunababingeleli sisigqubu esikwanjalo,nasendleleni eya eShekem kulapho bagwinta khona.Ewe, benza izinto ezimanyumnyezi.
10 Kwindlu kaSirayeli ndibone into enkwantyisayo;kulapho ahenyuza khona uEfrayim.Awu, yeka ukuxabheleka kukaSirayeli!
11 Nakuwe kambe, ndlundini kaJuda, uyeza umhla wesivuno.“Ndakuba ndizimisele ukubabuyisela kundalashe abantu bam,