Uhosiya 11 XHO96

Ukuthandwa kukaSirayeli

1 “USirayeli ndamthanda kwasebuncinaneni bakhe;ndambiza ukuba aphume eJiputa unyana wam.

2 Ndaba ngakhwaza ndimbiza uSirayeli,suka waya ebhekela kum.Baphikela ukunikela *kooBhali;imifanekiso eqingqiweyo bayenzela iziqhumiso.

3 Kodwa ndim ofundise uEfrayim ukucathula;ndim owamthi chu ngengalo.Kodwa abaqondi ukuba ndim obanyangileyo.

4 Bona ndabakhokela ndinovelwano;ewe, ndandiyimvuze-mvuze bububele.Ndabathula idyokhwe ebatyabulayo,ndaza ndathoba ndabafunzela.

5 Kambe ke abayi kubuyela kwaseJiputa,kodwa uAsiriya uya kubalawula.Kaloku abavumi ukubuyela kum.

6 Ezixekweni zabo komenyezel' ikrele.Lowanqunqa amanqwanqwa amasango,liwaphanzise namacebo abo.

7 Abantu bam bazimisele ukundishiya.Noba bangade bakhale kOphezu-konkeyena soze abaphakamise.

8 “Kodwa ndingathini ukukulahla, Efrayim?Ndingathini ukukuncama, Sirayeli?Ndingathini ukukuphatha njengeAdama,ndikwenze ufane neZebhoyim?Intliziyo yam iguqukile ngakuni;imfobe yam itsho yavuseleleka.

9 Andiyi kubuphumeza ubushushu bomsindo wam;andiyi kuphinda ndimbhubhise uEfrayim.Kaloku andimntu, ndinguThixo,uYedwa othe zwabha phakathi kwenu.Andiyi kuza ndinobushushu bomsindo.

10 Bosuka bamlandele *uNdikhoyo.Yena wovungama njengengonyama.Ke kaloku akubhavumlausapho lwakhe loza lungcangcazela;ewe, luya kuza ngasentshonalanga.

11 Boza benkwantya okweentaka bevela eJiputa;boba njengamahobe bevela eAsiriya.Ndobabuyisela emakhayeni abo.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

Isono sikaSirayeli

12 UEfrayim undijikeleza ngobuxoki;indlu kaSirayeli indithe nca ngenkohliso.UJuda yena uvukelana noThixo,nditsho uYedwa lowo uthembekileyo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14